Ubanjiwe obulala ehostele eKZN

Amapolisa aKwaZulu-Natal azingqinile iindaba zokuba kubanjwe umntu orhaneleka ngokubangumbulali wabahlali baseGlebelands Hostel.

UBrigadiya Jay Naicker uthe, yindoda enamashumi amabini anesixhenxe eye yabanjwa nejongene namatyala amathathu okubulala, namathandathu okuzama ukubulala.

Lo ubanjwe kwiCawa esiyishiya ngasemva ulindeleke ukuba avele ezinkundleni kungekudala. UNaicker uthe umrhanelwa kumatyala akhe kuquka nelokuhlaba abulale owasetyhini onamashumi amane anesibhozo ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kwinyanga yoKwindla. Onke amatyala omrhanelwa ayaphandwa.

Umkomishinala wamapolisa ala mmandla uNjengele Mmamonnye Ngobeni ubongoze abahlali ukuba beze ngaphambiili nolwazi ukuncedisana namapolisa.