Ubanjiwe obulele utamkhulu wakhe de wambhijela ngengubo!

Usezilseleni umzukulwana (25) ohlabe wabulala utatomkhulu wakhe emva kokuba ethe wabanjwa ngamaPolisa akuKomani.

Ngokwengxelo ephuma kuCaptain Namhla Mdleleni, ithi, abahlali babize amaPolisa malunga nendlu ethile ekwisitalato iSizani kwaMlungisi, nalapho afike utatomkhulu (90) ehleli esitulweni sakhe ebhijelwe ngengubo kwaye enenxeba emqaleni sele engasaphili.

Oku kwenzeke emva kwemini ngoLwesihlanu weveki ephelileyo. Ityala liye lavulwa, umzukulwana wavalelwa kwangoko wabekwa ityala lokubulala. Kulindeleke ukuba avele phambi koMantyi kule veki kuKomani.

UMkomishinala wesiThili saseChris Hani, uMajor General Rudolph Adolph, uthi amaPolisa azakusebenzisana neNPA ukuqinisekisa ingalo yomthetho. Ukwahlabe ikhwelo kubahlali esithi mabazichaze izehlo ezinje zokuhlukunyezwa kwabantu abadala.