Ubanjiwe obulele uyise ngezembe

Kubanjwe indoda kuGatyana emva kokuba ibulele uyise wayo onamashumi asixhenxe anesixhene eminyaka ubudala(77). 

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa ala mmandla uKapteni Jackson Manatha ithi, le ndoda ihlasele uyise wayo yambulala kwikhaya labo ngoLwesibini emini emaqanda, ngesizathu esingekaziwa.

UManatha uthi, udade bomrhanelwa uve ngesikhalo esiphuma ngakowabo ngethuba ehlamba impahla kwimpompo engekudanga nekhaya labo. Oku kuthe kanti kungethuba kubulawa uyise ngubhuti wakhe onamashumi amane anesine eminyaka ubudala (44).

Esi sihelegu senzeke ngoLwesibini kwilali yaseBhojini kuGatyana.

“Usisi ubalekile eshiya impahla eyokukroba kowabo emva kokuva isikhalo, nalapho athe wadibana nobhuti wakhe emnyango ephethe izembe elinegazi. Ubone utata wakhe edada kwigazi nekuthe kanti sele ebhubhile. Unobangela wokubulawa kwexhego awukaziwa, kwaye amapolisa asaphanda,” utshilo uManatha.

Umrhanelwa uzakuvela ngomso kwinkundla yamatyala kuGatyana ngetyala lokubulala.