Ubanjiwe odlwengule abathathu ngobusuku obunye!

LIbanjiwe igatyana elineshumi elinesibhozo ubudala lelokishi iWalter Sisulu eXhorha, emva kokuba lidlwengule abasetyhini abathathu ngobusuku obunye.

Ingxelo ephuma kwiSithethi samaPolisa kula mmandla uKapteni Jacskon Manatha, ithi umrhanelwa ungene ngefesitile kwigumbi ebelilele amaxhoba phambi kwentsimbi yokuqala ekuseni.

UManatha uthi umrhanelwa ebexhobe ngemela apho athe wagrogrisa ngayo amaxhoba ekubeni angakhali, kuba ukukhala kwabo uyakubahlaba ababulale.

Umrhanelwa uqhubekekile emane etshintsha amaxhoba ewadlwengula exhobe ngemela.

Amaxhoba aphakathi kweshumi elinesibhozo, amashumi amabini kwakunye nelinamashumi amabini anesibini.

Emva kwesi siganeko ubalekile, amaxhoba ashiyeka ebikela amapolisa ngokwenzekileyo kuwo.

Umrhanelwa uye wabanjwa kwangoko ngamapolisa, nalapho alindeleke ukuba avele phambi kwenkundla yamatyala eXhorha kungekudala.

INkumanda yamaPolisa aseGcuwa, uBrigadier Ngangema Xakavu, usikhalimele esi sehlo sokudlwengulwa kwala magqiyazana.

UXakavu ukwaqhwabele izandla amapolisa ngokukhawuleza abambe umrhanelwa.

abongile.ginya@inl.co.za