Ubanjiwe odlwengule inkosikazi kwindawo yentselo

Kulindeleke ivele phambi kwenkundla yamatyala eNgqamakhwe ngomhla weshumi indoda enamashumi amathathu anesixhenxe ubudala yelali yakuTshazibane eNgqamakhwe. 


Le ndoda ijongene netyala lokudlwengula inkosikazi enamashumi amabini anesibhozo ubudala.


Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa kwiziphaluka zaseMnquma noMbashe uKapteni Jackson Manatha, ixhoba lidlwengulelwe ngakwindawo yentselo ngoLwesithathu. 

UManatha uthi ixhoba belihleli neetshomi zalo lisela kule thaveni ngorhatya, iitshomi zexhoba zagoduka, umrhanelwa wacela kwiitshomi ezo ukuba mabayishiye le nkosikazi nesele ilixhoba ngoku kuba esithi uza kuligodusa kanti utsho ukuba eza kulidlwengula.

Ityala livulwe ngoLwesine ze umrhanelwa wabanjwa nalapho alindeleke enkundleni eNgqamakhwe ngezityholo zokuzithathela ngolunya.