Ubanjiwe odlwengule intokazi awayencuma nayo

Ijongene netyala lokuzithathela ngolunya ngokwezesondo indoda enamashumi amathathu anesithathu ubudala yaseGcuwa,  emva kokuba ithe yavulelwa ityala emapoliseni yintombazana awayencuma nayo kudala. Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa aseGcuwa neziphaluka, uKapteni Jackson Manatha, ithi ixhoba belisazihlele lodwa kwigumbi lalo kwaPhase One kwiliokishi yaseZizamele ngorhatya ngethuba kufika umrhanelwa. 

Oku kwenzeke ngomhla wesine kule inyanga. UManatha uthi otyholwayo wafika waxoxisa ixhoba malunga nendoda asele enayo ngoku. Ixhoba lisukumile likhupha umtyholwa endlini kulapho aye wadlwengulwa.  Emva kokuphuncuka kwexhoba liye lavula ityala kwisikhululo samapolisa eMsobomvu eGcuwa. Umrhanelwa wakhangelwa wafunyanwa ngamapolisa. Ujongene netyala lokudlwengula ulindeleke ukuba avele phambi kwenkundla zamatyala edolophini eGcuwa kuMvulo kwiveki ezayo.