Ubanjiwe odlwengule isidala sakhe!

INDODA enamashumi amabini anesihlanu  eminyaka ubudala yedolophu yakuGatyana ibanjwe ngamapolisa ala mmandla ibanjelwa ukudlwengula owasetyhini onamashumi amabini anesine neyayincuma naye kwiminyaka edlulileyo.
Ingxelo ephuma kothethela amapolisa ala mmandla neziphaluka,  uKapteni Jackson Manatha ithi, ixhoba belisazipholele kwityotyombe lalo elisedolophini lilodwa ngethuba kufika umrhanelwa kulo ngoMvulo emva kwentsimbi yesithandathu ngorhatya.
UManatha uthi umrhanelwa wayekade enobudlelwane nexhoba nangona nje sele yaphela eyayibadibanisa.
Ixhoba laxelela umrhanelwa ukuba makahambe kwaye aphume endlini yakhe nanjengoko  kungasekhonto  ibadibanisayo.

Umrhanelwa zange ahambe koko wadlwengula ixhoba ngenkani,” utshilo uManatha.

Ityala lokudlwengula liye lavulwa kwisikhululo samapolisa kuGatyana. 
Amapolisa alandelela emkhondweni wafunyanwa umrhanelwa – sithetha nje useluvalelweni ulindele usuku lokuvela kwinkundla yamatyala. 
Ubekwe ityala lokudlwengula.