Ubanjiwe odlwengule unina!

Amapolisa akuGatyana anqakule indoda eneminyaka engama28 ngezityholo zokudlwengula umama wayo onama50 eminyaka ubudala ngokuhlwa kwangoLwesihlanu, ngokutsho kwabakwantsasana.

Le ndoda ibanjwe ngoMgqibelo. 

Umlomo wamaPolisa, uCaptain Jackson Manatha, uthi kuvakala ukuba ixhoba lalisendleleni eya ekhaya malunga nentsimbi yesixhenxe ngorhatya langoLwesihlanu emva kokuchitha ixesha kwindawo ethengisa utywala ePhaphasini, kwilali yakuMboya, kuGatyana. 

UManatha uthi lo wasetyhini uve izingqi emva kwakhe, kodwa waqhubekeka nokuhamba de wabe kanti kukho umntu omthi xhakamfu ngasemva. 

“Urhuqelwe kudana endleleni waze umrhanelwa wamdlwengula. Umrhanelwa ucele kwabanentsente emva kweso senzo. Ixhoba likwazile ukubona ukuba ngunyana walo olidlwenguleyo.” 

Umrhanelwa obanjiweyo kulindeleke avele kwiNkundla yakuGatyana ngoMvulo ngezityholo zokudlwengula, kutsho uCaptain Manatha. 

INkumanda kumaPolisa aseGcuwa, uBrigadier Ngangema Xakavu usikhalimele esi senzo sodlwengulo, ingakumbi senziwa ngunyana kunina, esithi ebekufanele unyana ukhusela umama wakhe. 

Uncome amapolisa akuGatyana ngokukhawuleza bamfumane umrhanelwa ze avalelwe.