Ubanjiwe ogrogrise ngompu woonomngqushwana

Indoda enamashumi amathathu ananye yaseBhayi kulindeleke ukuba ivele phambi kweenkundla zamatyala aseBhayi kungekudala, emva kokuba ithe yabanjelwa ukuzama ukuxhomisa ivenkile ngompu wabantwana (ithoyi).

Othethela amapolisa uWarrant Officer Alwin Labans uthi, lo mrhanelwa uqale ngokuthenga ukutya kwigaraji ethile eGelvandale nalapho aye wakhupha lo mpu uyithoyi ekhomba abasebenzi. Ebeqale ngokukhupha imali kwi- ATM ekufutshane ngamakhadi ebhanka amaninzi, ubanjwe kanye ngelo thuba emva kokuba kuye kwatsalelwa amapolisa ngusisi obengaphakathi akubona irhaneleka le ndoda.

Ubanjwe enalo mpu uyithoyi kunye nemela.