Ubanjiwe orhaneleka ngokuxhaphaza abafundi baseNMU

Amapolisa aseBhayi ayibambile indoda erhaneleka kwisiganeko sokuhlatywa nokudlwengulwa kwabafundi ababini abangamantombazana kwiYunivesithi iNelson Mandela eBhayi izolo.

Osisithethi samapolisa uPriscilla Naidu,  uthe le ndoda ibanjwe edolophini emva kokuvuswa kwamapolisa ngabahlali beyihlebela ngendoda ehla inyuka ithengisa ikhompyutha.

UNaidu uthi amapolisa agaleleke kuloo ndawo ichaziweyo ayibamba isaphethe loo khompyitha, aza  ayimpampatha iimpokotho afumana nefowuni yenye yala mantombazana.

Isiganeko sokungena kwalo mgulukudu nokuxhatshazwa kwaba bafundi kudale umbhodamo noqulukubhode iintsuku ezimbini kule yunivesithi,  abafundi beqhankqalaza bekhalazela ukungakhathali kwabaphathi nobuyekeyeke kwicala lokhuseleko bebanga nokuyekiswa emsebenzini kwegosa elongamele ukhuseleko kule yunivesithi.

UNaidu uthe le ndoda ingene kwigumbi leekhompyutha belingatshixwanga esithi ukungena kwayo yagrogrisa aba bafundi ngesikere.

“Emva kokudlwengula nokugqobha aba bafundi,  iye yabanyanzelisa ukuba bathwale enye yezokhompyutha yayo kutsiba ucingo kunye nayo”.

Osisithethi sale yunivesithi uZandile Mbabela uthe eli ziko liya kuvuyela ukubanjwa kwale ndoda,  esithi uyathemba ukuba umthetho uya  kudlala indima yawo uyigwebe.