Ubanjiwe owabalekela eLimpopo emva kokubulala isithandwa sakhe

Umrhanelwa oneminyaka engamashumi amathathu anesine (34) ubudala ubanjwe ngamapolisa aseMokopane nabacuphi baseMahwelereng ngoMvulo wale veki umhla wamashumi amabini anesithathu (23) kweyeDwarha ngezityholo zokubulala isithandwa sakhe kule nyanga eKaladokhwe kwiphondo leMpuma Koloni.

Umrhanelwa ubanjwe ngethuba kuqhutywa iphulo ebelisenzeka kwindawo yamapolisa eMahwelereng phantsi kwesithili saseWaterberg.

Ingxelo ithi, umrhanelwa uye wabetha isithandwa sakhe kanobom emva kwengxabano eshushu eKaladokhwe emva koko walishiya eli phondo ebaleka ukubanjwa.

Isithethi samapolisa aseLimpopo, uBrigadier Hlulani Mashaba, uthi ixhoba lathunyelwa esibhedlele kodwa labhubha ngenxa yokwenzakala kwalo okumanyumnyezi ngexesha lesi sehlo.

“Amapolisa afumene ulwazi ngomrhanelwa obeseMapela, kwilali yaseSundsloot kwaye aqala ngoko nangoko ukukhangela umrhanelwa. Bakwazile ukufumana umrhanelwa ofunyenwe endlwini yabazali bakhe ze bambamba ngezityholo zokubulala isithandwa sakhe,” utshilo uMashaba.

Umrhanelwa kulindeleke ukuba avele phambi kwenkundla kamantyi yaseKaladokhwe kungekudala ejongene netyala lokubulala.

UMkomishinala weSAPS eLimpopo uLieutenant General Thembi Hadebe ukuqhwabele izandla ukubanjwa okwenziwe ngamapolisa emva kokuba umrhanelwa ebaleke kwiphondo leMpuma Koloni emva kokwenza esi senzo.

Uphando lwamapolisa luyaqhuba.