Ubanjiwe owasetyhini otshise ibhasi!

Izakuvela kwiNkundla yamaTyala eGqeberha ngoMvulo inkosikazi enama24 eminyaka ubudala ejongene netyala lokutshisa ibhasi eCape Road.

Ngokwengxelo ephuma kuColonel Priscilla Naidu ithi, oku kwenzeka ngomhla wesibini (2) kule nyanga kaNovemba.

UNaidu uthi, amaPolisa aseMount Road aye afumana ingxelo yokuba umrhanelwa ufike kowabo kuGatyana kuLwesine weveki ephelileyo.

Iinzame ziye zenziwa nalapho aye wayokubanjwa wavalelwa.

Lo ubekwe ityala lokonakalisa. Umonakalo owenzekileyo kule bhasi uqikelelwa kwimali engange R3 million.