Ubanjiwe umalume odlwengule umtshana

Kubanjwe indoda enamashumi amane anesine ubudala yakuCentane ngezityholo zokudlwengula umtshana wayo oneshumi elinesithathu (13) leminyaka ubudala.

 

Isithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha, uthi oku kwenzeke kwilali yakuKhabakazi kuCentane kwinyanga kaTshazimpuzi kulo unyaka.

 

Umrhanelwa ubanjwe ngoLwesithathu ekowabo kuKhabakazi emva kophando olwenziwe ngamapolisa.


Umrhanelwa ulindeleke ukuba avele phambi kwenkundla yamatyala kuCentane ngoLwesihlanu (ngomso).