Amapolisa aseKraaifontein eNtshona Koloni abambe umrhanelwa oneminyaka elishumi elinesithoba (19) ubudala ngokubetha umakhulu wakhe emva kokusasazeka kwevidiyo yesi sehlo kumakhasi onxibelelwano.
Lo mfana ekuthiwa nguLuluvo Ngqaza ubanjwe ngoLwesithathu kwaze kwabhaliswa idokethi, amapolisa aseKraaifontein angqinile.
Lo makhulu kuvakala ukuba usesibhedlele enyangwa isigulo ekuthiwa asinanto yokwenza nesi sehlo.
Amapolisa athi lo makhulu waseWallacedene eKraaifontein walile ukwenza ingxelo malunga nokwenzekileyo.
Uphando lwamapolisa ludize ukuba esi sehlo senzeke kwinyanga ephelileyo kwinyanga yeSilimela kwindawo ehlala ixhoba. Kuthiwa amapolisa abizelwe kwindawo yexhwayelo kulandela esi sehlo phakathi komzukulwana nomakhulu, kodwa usapho luthathele ezandleni zalo lo mba, lwala noncedo lwamapolisa.
Amapolisa athi abuqonda ubunzulu balo mba ngethuba iqala ukujikeleza le vidiyo kumakhasi onxibelelwano kwaye bagqiba kwelokuba bavule ityala egameni lexhoba.
Umrhanelwa kulindeleke ukuba avele enkundleni kaMantyi eBlue Downs emva kokuba ebekwe ityala ngokusemthethweni.
Baqale uqhankqalazo abaqhubi beenqwelomoya