AMAPOLISA akholelwa ukuba ukubanjwa kukaMawonga Naki, otyholwa njengokuba ngungqondongqondo weziyobisi eQumrha, kwakuba nefuthe ekwehleni kwezinga lokusetyenziswa kweziyobi kulo mmandla.
Ngokokutsho kwesithethi samapolisa kule ndawo uKapteni Mluleki Mbi, uNaki ubanjwe liqela iTactical Response Team (TRT). “Ubanjwe kwiveki ephelileyo ezinzulwini zobusuku endlini yakhe kwisitalato iSontage eOld Location eQumrha.
AmaBharethi (TRT) angene ngenkani kuqanyangelwe kunjalo emveni kokuhletyelwa ngabahlali ukuba usebenza ngeziyobisi, kwaye sele kulithuba esenza njalo. Bafumene iipilisi ezisibhozo zohlobo lweMandrax zikwisingxobo esincinci kwakunye nesixa semali iR3 698.47,” utshilo uMbi.
Uthi amapolisa aseQumrha achulumancile kukubanjwa kukaNaki. Umrhanelwa ebevelile kwiinkundla zamatyala eQumrha waze wayalelwa ibheyile. Kulindeleke ukuba aphinde
avele kwakhona ngomhla wesithoba kwinyanga esijonge kuyo uCanzibe.
UNdlozi ubhengezwe njengomsasazi omtsha wePower FM