Ubanjiwe utata otyholwa ngokubulala umntwana wakhe

Ubanjiwe utata otyholwa ngokubulala umntwana wakhe.

Utata oneminyaka engama22 ubanjwe izolo ngoLwesithathu, umhla wama22 kweyoMqungu 2025, ngezityholo zokubulala usana lwakhe oluyintombazana olunonyaka oneenyanga ezintlanu ubudala. Kulindeleke ukuba avele kwiNkundla kaMantyi e-Ermelo namhlanje malunga nokubhubha kwalo mntwana.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa aseMpumalanga, uLieutenant Colonel Jabu Ndubane, kutyholwa ukuba ngentseni yomhla wama30 kweyoMnga kunyaka ophelileyo u2024, lo tata wasa usana lwakhe esibhedlele esithi lonzakele emva kokuwa ebhedini.

UNdubane uthi ngethuba kuvavanywa lo mntwana, abasebenzi basesibhedlele bafumanisa ukuba sele eswelekile.

“Abasebenzi basesibhedlele baqhagamshelane namapolisa bachaza ukuba olu sana lonzakele ngendlela ekrokrisayo. Lo mntwana ebenemikrwelo emininzi emzimbeni wonke, kwaye bekukho neempawu zokukrwitshwa,” utshilo uNdubane.

Nge30 kweyoMnga 2024 lo tata wabanjwa ngetyala elahlukileyo kwaye oko eseluvalelweni ukusukela ngoko .