Ubanjwe enxilile, eqhuba imoto enabantwana besikolo

Amagosa esebe lezothutho eMpuma Koloni athi aceba ukusiqhawula isivumelwano anaso nomqhubi owenza umsebenzi neli sebe, emva kokuba lo mqhubi ebanjwe ezintyintye ngeenyembezi zikaVitoliya logama eqhuba imoto ethe mome ngabafundi.

Lo mqhubi ubanjwe kufuphi nesikolo iMtirara Senior Secondary eLady Frere eqhuba isithuthi esikhwelisa abantu abangamashumi amathathu anesihlanu.

Amagosa ezendlela akwisithili saseChris Hani asingqinile esi sehlo, ngokokutsho kwesebe, nangona nje esalindele iziphumo zovavanyo-gazi zalo mqhubi ukungqina ukuba ingaba ngenene ebeqhuba enxilile.

Umanejala weprojekthi yenkqubo yothutho lwabantwana ezikolweni kwiphondo leMpuma Koloni uNosiphiwo Somdyala uthi bazakuqwalasela ukuba ngawaphi na amasolotya omthetho abanakuwalandela ukuqubisana nalo mqhubi.

USomdyala uthi sisehlo esingamkelekanga esi, watsho esithi isebe lizakuthi gqolo ukuphonononga indlela ezisebenza ngayo izithuthi ezithwaliswe uxanduva lokuthutha abantwana besikolo.

Lo mqhubi, singenakumchaza okwangoku, uthe wavela kancinci phambi komantyi waseLady Frere ze wakhutshwa ngebheyile yamakhulu amahlanu eerandi.