Awanikwanga bheyile amadoda amathandathu aseMqanduli ajongene netyala lokubulala uLonwabo Soga, 26, nowayeyiConstable kwisikhululo saseCoffiebay eMqanduli.
USoga ngethuba ebulawa wayehamba nogxa wakhe uSiyabonga Nani ngevantyi yomsebenzi ngobo busuku ababephangele ngabo ngoDisemba.
Ngokwengxelo ephuma kuKapteni Anelisa Ngcakani wooKhetshe, ngethuba behlaselwa uSoga kwakunye noNani babeyokusabela ikhwelo elalini bagagana nesi sithandathu sabarhanelwa sasihamba ngeveni emhlophe nesenza ngathi sidinga uncedo kumapolisa.
USoga nowayenguye oqhuba ivantyi yomsebenzi wahliswa ngamabini amadoda kubarhanelwa abathandathu logama naye uNani wayejongene namabini amadoda kwelakhe icala.
UNgcakani uthi omnye kubarhanelwa wakhupha umpu wadubula uSoga wabhubha kwangoko emva koko bayalela uNani ekubeni athathe umzimba kaSoga awubeke ngasemva kwivantyi yamapolisa. UNani wanyanzelwa ekubeni angene ngasemva evantyini ahlale nesidumbu sikaSoga.
Ingxelo iqhuba ithi ivantyi yaqhutywa ngomnye wabarhanelwa bangqala kwivenkile ethile nabanyanzelisa unogada emnyango ekubeni avule. Unogada wavula engathandabuzi kuba ebona ivantyi yamapolisa.
Ngaphakathi kwivenkile abarhanelwa bathatha icuba, utywala kwakunye nemali engamawaka amathathu. Ivantyi bayinyengeza endleleni inesidumbu sikaSoga kwakunye noNani ephila.
Esi sithandathu sabarhanelwa sibanjwe kwiindawo ezahlukeneyo ngeentsuku ezohlukeneyo. Aba nguBonginkosi Ndevu, 27, Afika Bavu, 21, Afikile Nabo, 27, Lubabalo Hlomendlini, 37, kwakunye noAnela Pencil, 31.
UPencil ubanjelwe kwisibhedlele saseXhorha nekuvakala ukuba wahlatywa nguNdevu ngenxa yengxabano yabo.
Bavelile kwiNkundla yaseMqanduli izolo, kulindeleke ukuba bavele kwakhona ukufaka isicelo sebheyile.
UTinkler ufuna ukuyibetha iChiefs – qha unexhala leefolosi zayo!