Owayesakuba nguMongameli welizwe laseMelika, uBarack Obama, uvele elubala evakalisa inkxaso yakhe kuKamala Harris ongenelele idabi lokuba nguMongameli olandela emva kukaJoe Biden.
Ilizwe laseMelika lizakuba nonyulo ngoNovemba walo nyaka nalapho kulindeleke ugqatso olushushu phakathi kukaHarris noDonald Trump.
Amalungu ombutho weDemocratic Party abonisa inkxaso yawo ngokungagungqiyo kuHarris ngelithi makathathe isihlalo sokongamela ela lizwe.
“Ukulungele ukungena kwesi sikhundla, lo sithetha ngaye usebenze ixesha elide esilwela amalungelo abantu abacinezelweyo, ewe unako ngaphandle kwamathandabuzo,” kutsho uObama.
Kwingqungquthela ebibanjelwe eChicago ziiDemocrats, ugaleleke engalindelwanga uObama, wagqibezela ngokuvakalisa inkxaso yakhe kuHarris.
UHarris usedabini elibi kwakunye nalowo wayesakuba nguMongameli eMelika uTrump weRepublican Party.
UObama usebenzise islogeni sakhe esithi ewe unako uHarris ukubamba isikhundla sokongamela, esi slogeni sakhe awayesisebenzisa ngonyaka ka2008.
Ukanti inkosikazi kaObama, uMichelle Obama, naye ungenelele ukuvakalisa inkxaso yakhe ngakuHarris.
“Ngomnye wabantu abanezakhono, imfundo nolwazi olufanelekileyo olinina ukwenza lo msebenzi, ngoko ke siyamxhasa kwiphulo lakhe lokuba ongamele ilizwe laseMelika.”
UJoe Biden kwelakhe icala sele ekuvakelise esidlangalaleni ukuba akananjongo yokuba kugqatso lokuba nguMongameli waseMelika.
UManqoba Mngqithi akonelanga ncam ngu’4-0 ofunyenwe yiMamelodi Sundowns