Ube ligorha kumalangatya omlilo!

UFiona noDamian Chiwaka

Kapa: Wenze umsebenzi oncomekayo ukusindisa imiphefumlo yabantu abangaphaya
kweshumi elinesihlanu ngethuba bevaleleke kumlilo ovuke kumgangatho wokuqala
ukuya kophezulu  kwisakhiwo esizinze
kummandla waseDunoon, eKapa, uDamain Chiwaka.

UChiwaka ube liqhawe ngethuba
bevalelwe ngumlilo oqale ngasemnyango nekunyanzeleke ukuba baphume ngefesitile
kumgangatho ongasentla ukuzama ukusindisa ubomi babo.

Eli likhaya ekuhlala kulo
abantu abahlawula irente rhoqo ngenyanga nabaphuma kwilizwe lasebumelwaneni
iZimbabwe.

Oku kulandela emva kokuba
bevuswe ngomnye wabahlali emva kokuba kuqale umlilo kwigumbi lakhe elikufuphi
kumnyango wokuphumela ngaphandle nekukuphela kwawo. Kukholeleka ukuba ixhoba
belizitshize kanobom ngamarhewu anomsila ngethuba kusehla esi siganeko.

“Ngethuba ndisiva umsi
ndicingele usapho lwam nabanye abantu esihlala kunye nabo kula magumbi,”
utshilo uDamian Chiwaka ohlala kweli khaya, noyinzalelwane yaseZimbabwe.

Ukusinda cebeshu kwamaxhoba
kulandela emva kokuba betsibele kumaphahla ezindlu ezisebumelwaneni ukuzama
ukusindisa ubomi babo. Kungokunje bazama ukubuyisela impilo esiqhelweni emva
kwesi siganeko siphantse sashiya inyhikityha yokufa kwabantu. Lo mlilo ushiye
umonakalo ovisayo nanjengoko kurhawuke amadonga.

ISixeko esiMbaxa saseKapa
kwicandelo lemililo libambe ngazibini kokaChiwaka ngokuba ligorha asindise
impilo zabantu emva komlilo owavuka kweli khaya ezinzulwini zobusuku ngoLwesine
kwiveki ephelileyo.

Kwesi siganeko akukho mntu
ofumene ukwenzakala ngamanxeba okutsha, abafumene ukwenzakala babini ngethuba
betsiba kumgangatho ongasentla.

 “Umntu owenze umsebenzi omhle kuyafunekwa
awongwe kuba ukuba ebengekho ngesithetha ngenani elivisayo lokubhubha kwabantu
ngenxa yomlilo,” utshilo uMark Smith oyinkumanda yezicimamlilo. OkaSmith uthi
zathi zifika izicimamlilo abe amaxhoba sele ekhutshelwe ngaphandle
ngempumelelo. USmith uthi indlela elakhiwe ngayo eli khaya inobungozi kwabo
bahlala kulo kuba mnye kuphela umnyango wokungena yaye akukho nezilumkiso
zomlilo ezinokuthi zivuse abantu. Kungokunje okaSmith uthi baza kufakana
imilomo neenkokheli ngendlela ezakhiwe ngayo iindawo ezirentisayo kuba
azikhuselekanga zibeka ubomi babantu esichengeni. Uninzi lwabahlali eDunoon bakha
amagumbi okuRentisa kumakhaya abo ngenjongo yokuzenzela imali ukuxhasa
iintsapho zabo zingahleleleki.