Ubekwa kwikhaya lokugqibela umama kaHolomisa

Ongasekhoyo umama kaNkos uPhathekile Holomisa ubekwa kwikhaya lakhe lokugqibela

Iyangcwatywa ngoLwesihlanu iNkosikazi yamaGebe, ooNgolo, uPhyllis Nokuphila Holomisa (Ah! Nodumile).

Le Nkosikazi yazalwa ngomhla wamashumi amabini anesithathu kwinyanga yeNkanga ngo1937, izalelwa eSprings eRhawutini apho utata wayo wayexelenga khona, izalelwa kwikliniki iNokuphila nathiywe ngayo.

UNodumile uzalwa nguAlice Sangoni kwakunye noNkos’Ephrain Mayize Sangoni (Ah! Mvulayehlobo) eQokolweni eMthatha.

Amabanga akhe aphantsi wawenza eDordrecht, ze waphuma wayokuqeqeshela ubutitshala eClarkebury Training College eNgcobo.

Ah! Nodumile wazimanya ngeqhina lomtshato ngo1958 kwakunye noNkos’ uMathathisa Moses Holomisa, uNkos’ uJongisizwe nowathanjiswa njengenkosana yamaHegebe eNgqungqu eMqanduli.

Kumtshato wabo baye balizwa ngabantwana abasixhenxe uPhathekile, Themba, Kholeka, Mbulelo, Bulelwa, Lindelwa kwakunye noSikelelwa. Le nkosikazi iyabekwa ngomso eNgqungqu eMqanduli. Phumla ngoxolo mama.

Ulale ngoxolo Mahlanga, Nobetha ugqatso ulufezile!