Ubekwe kwelokugqibela umsasazi woMhlobo Wenene

Igqala kwezosasazo nomdlali omkhulu wepiyano uJames 007 Mateza UMFANEKISO: FACEBOOK

INTOMBI kaJames ‘007’ Mateza, igqala lomsasazi kwanomdlali omkhulu wepiyano, ithi ukusweleka kukayise kushiye umsantsa omkhulu kusapho, yatsho isithi indlela yokuzithuthuzela kukubeka ithemba koPhezulu.


Lowo nguManzikazi Mateza ethetha kwisingcwabo sikayise ebesibanjelwe eBhayi ngentsasa yangoLwesihlanu.

Inkonzo yomngcwabo ibisasazwa ngqo kuFacebook kwaye ibimfutshane kakhulu.

UMateza (59) ubhubhele eTinarha kuLwesihlanu esimshiya ngasemva.

“Ebengumntu wokwabelana naye ngayo nayiphi na into. Ndiyabulela futhi ndiyavuya kakhulu kuba ndilufumene uthando nokuninzi kuwe Sir J.  Ukuthi ndiyakuthanda Sir J, yinto engavakaliyo.

Ukuthi ndiza kukhumbula, yinto engavakaliyo kakhulu. Andikwazi nokucinga ukuba kuza kubanjani ukungabina Sir J ecaleni kwam,” utshilo uManzikazi.


“Kulo lonke ixesha apho ndifuna ingcebiso, bendithetha naye, kwaye andicebise ngoko nangoko. U-Sir J ebesoloko elungele ukunceda, ukusuka koomelwane, oogxa bakhe, kwanabahlobo,” kutsho uManzikazi.

UManzikazi uthi uyise ebengakonqeni ukonwaba xa kufike ixesha lokwenza oko.

“Ebengakoyiki ukuhleka xa kufike ixesha. Ndakusoloko ndimkhumbula uSir J, xa esithi ‘Metsi, kha wenze izinto kubemandi maan, bona ukuba uthini ngotata wakho’. Kwesi sihlandlo, ufuna inyama nesiselo.

“Kusapho lwam ndithi masijonge kuLuke 1: 37, othi ‘Ngokuba akukho nanye into eya kumnqabela yena uThixo’. Ukuba nathi silusapho sakubeka ithemba kuThixo akukho nto eza kusithintela,” utshilo uManzikazi.

UMateza waqala ukufunda ukudlala ipiyano esemncinane ze waqhuba nokuzibandakanya nezomculo.

Usebenze njengotitshala eBuntingville eNgqeleni. Ukushiya apho uye wayokusebenza eRadio Transkei ze wayinxalenye noMhlobo Wenene FM emva kokupheliswa kwesikhululo esinomahluko, iRadio Transkei.

 Uyakuhlala ekhunjulwa ngenkqubo yangeeCawe kuMhlobo Wenene ethi ‘Mbonge uYehova Mphefumlo Wam’.

UMateza wafumana amava kumculo weekwayara ngethuba ebayinxalenye neEskin Adult Choir eyayibhexeshwa nguSheila Spelman. Ukusuka apho wayesoloko eyinxalenye neekwayara zempumelelo eziliqela ekuquka kuzo iUnitra Choir eyayibhexeshwa nguXolani Nomanyama, Idutywa Teachers Choir eyayibhexeshwa nguManzi Vabaza, iNgangelizwe Choristers eyayibhexeshwa nguGodfrey Masithela, Arthur Wellington Memorial Church Choir eyayibhexeshwa nguNomkhitha Nxu kwanezinye iikwayara ezikolweni, kwiityalike nakumakhaka.

Kumngcwabo wakhe akukhange kubekho mntu othethayo egameni loMhlobo Wenene emva kokuba umphathinkqubo womngcwabo evakalise ukuba uMnu. Phumzile Mnci ushiye phakathi, ngenxa yexesha, eleqa omnye umba.

UMateza wazalelwa eBhayi, ezalwa nguNomtshato Mateza kwakunye noMfundisi Luther Mateza, ongumfundisi waseRhabe odla umhlalaphantsi. Umam’ uNomtshato wayengumongikazi obhubhe ngo1996.

UMateza ushiya ngasemva utata wakhe, intombi yakhe uManzikazi, umzukulwana uCebolenkosi Shalom Mateza.