Ubekwe njengeKumkani yamaMpondo uZanozuko Sigcau!

ITHE yabekwa ngokusesikweni nangokwesiko ngabantu bayo ikumkani yamaMpondo uZanozuko Tyeluvuyo Sigcau emva kwempixano neziphithi-phithi ebezigquba kungekho bukumkani kwindlu yamaMpondo. 

Lo msitho uqhutywe kwikhaya leKumkani eliseNdumakude ngoLwesihlanu kwidolophu yaseFlagstaff.

Unobhala kumbutho iMbumba yamaMpondo, uMduduzi Sibulali, uxelele inginginya yabantu  nebizalise ibala lebhola ukuba: 

” Asizanga kuzokudlala apha, ubunzulu bale nto siz ekuyo kukubeka iKumkani yamaMpondo uZanozuko Tyelovuyo Sigcau njengokuba besithi kukho ubhukuqo nje, akukho lo nto apha,” utshilo. 

” Ndimele iMbumba yamaMpondo hayi enye into, ngaphezulu ndimele amaMpondo ewonke jikelele,” kutsho uSibulali. 

USibulali udize ukuba bebekhe bawubekela umhla wamashumi amabini anesithandathu ( 26 ) kwinyanga kaCanzibe kunyaka ophelileyo lo msebenzi kodwa batshintsha banesigqibo sokubeka umhla weshumi elinethoba  kwinyanga yoMqungu kulo nyaka.

” Yiva xa kusithiwa iiKumkani zibiziwe ekuthini ukuba ziyokumela abantu bazo thina sibe singamelwanga, bekubabuhlungu ngesizwe yamaMpondo”, kutsho uSibulali. 

Uqhube wabala onke ke amaMpondo ngokuzalwa kwawo ukusukela kuKumkan’ uFaku, uMqikela, Sigcau, Marhalene, Mandlonke nokwagqityelwa ngaye ukubekwa njengekumkani yamaMpondo ngo1937 kwaze kwavela into yeParamawuti ( Paramount chief ). 

” Ayuzunceda nto ukuba kuvel’ ingxaki kweli komkhulu emva kokuba ikomishini kaNjingalwazi Thandabantu Nhlapho ikhuphe iingxelo zokuba nguZanozuko ikumkani yamaMpondo, kuba etshilo ukuba amaMpondo mawabeki Kumkani yawo ngokwesiko lwamaMpondo qwaba ke”, utshilo uSibulali. 

Oyintloko kwibandla lamaPostile 12 novunywe yiyunivesithi yaseNatal, ingcaphephe kwezakwaLizwi nokwangumququzeleli weeCawe ezijongelwe phantsi owafumana iMasters kwiCivil Engineering, wanikwa isidanga sobugqirha liMpondomise kwaNgcitshane nophehlelele wathwalisa isithsaba uKumkani uZanozuko uCaesar Nongqunga. 

Uthe sizokwenza isintu ”INkosi imele kwaye ifanelwe kukuthanjiswa ngumntu wakwaLizwi okanye wakwaThixo,” kutsho uNongqunga.

 Nanjengesithethi sosuku, uNongqunga uqhube wathi, kukhona izinto ezimbini ekumele isizwe noluntu ngokubanzi ekufuneka zizohlulile. Isini kwakunye nokuzalwa ngokwegazi. 

Uqhube esithi “Ikhona into ethi ebantwini awunokuba yinkosi nokuba uyiyo”.

” Xa kukhangelwa ikumkani, kukhangelwa igazi,” utshilo okaNongqunga. 

“Ukuba loo mntu yindoda uyokuthi azale kwa enye ikumkani, le nto ayinakujongelwa phantsi koomama, nditsho ndicaphula kwincwadi ebhayibhileni yeLeveticus isahluko seshumi elinesixhenxe  ‘ Umphefumlo uhlala egazini, ujikeleza negazi”, kutsho uNongqunga. 

” Wazal’ ubani, ubani wazal’ ubani, iyaqhubeka kwaye sizokungqina loo nyaniso yokuba ubani wazala ubani, le nto ingegazi, kufuneka lihambe”, utshilo. 

Uyiqwele ngelithi ”Vukani, hlakaniphani, akukho ntombazana inokuzala iKumkani. Asizangoxoka apha, le nto ingegazi elihambayo. Ndifuna sisebenze sikhululekile. Sizokushukumisa igazi likaFaku likhokele thina. Isini asihambi emfazini, sihamba endodeni,” litshilo iMpondomise. 

Atsho amaMpondo ecula ingoma ethi makubenjalo, kukhahlelwa, kuhlonitshwa iKumkani.

Kanti yona iKumkani ngokwayo uZanozuko Sigcau uthe,:

“Phaya kwiziBhalo eZingcwele ngokuya kwakubethelelwa uYesu, wathi ‘ Kugqityiwe’ nakuye kunjalo. Ebulela bonke abantu ingakumbi amaMpondo, esithi ngenxa yexesha kodwa liphumelele olu suku lokuyazi iKumkani yamaMpondo.  Into inye, singabantu abanye, nabangaphesheya bobuya ngeny’ imini sibanyamezele”, sitshilo isilo samaMpondo uZanozuko. 

Ememelela ikhwelo kwezolimo, ubongoze uMphathi wakwaTau Maize Meal uEngel Bregtee Bargain Wholesalers okokuba basondele bazokuhlumisa, betyebisa isizwe samaMpondo nanjengoko umhlaba wasemaMpondweni uchumile, khona isizwe sakhe sohlukane nendlala. 

” Kulo lonke uphuhliso oluqhubekeka phambi kwethu ze luqhubekeke, lusuku lokuthandana olu, ubumbano sizwe sakwaFaku, abanochuku abafuneki apha emaMpodweni, lusuku olutsha, isisiqalo esitsha, ndifunga umanyano kuwo jikelele amaMpondo kwakunye nabo bathe qelele batsho basondele.

 ” Lo mhlaba siyawazi, sizelwe ukhona, saxabana sodwa,” uyivale ngelitshoyo uKumkan’ uSigcau.

Sakukhumbula ukuba uZanozuko Tyelovuyo Sigcau wafundela ubuGqwetha, uyinkunzi ayigobi, ingagobi ngokugotyiswa, uchul’ukunyathela, ongevanga akasayi kuva. Namhlanje ibekiwe iKumkani nekufuneka sikhe umnquma siyoyifunela umfazi iKumkani,” liyivale ngelo ilungu kwiMbumba yamaMpondo uSibongile Ndlambe.