UZikhona Makhuba (33) ubeke imifanekiso yakhe kumakhasi onxibelelwano ebeleke umama wakhe emqolo. Uye wawa ngamadolo komnye wemifanekiso logama umama wakhe esemqolo. Le mifanekiso ibonisa oko kuye kwaba yinto eqhelekileyo kuye. Eli gqiyazana laseLangeni A/A eNgqeleni licela uncedo kumSamariya oLungileyo ukuze alungise indlela yabo ukuze iimoto zikwazi ukuya kowabo ukuze zilande umama wakhe ngexesha lokuya kwagqirha. Isitulo esinamavili sikamama wakhe sidala kakhulu ukuba singatyhalwa kweza ndlela.
Umama kaZikhona, uKhuthala Makhuba (52) akasakwazi nokuhamba kwaye uhamba ngesitulo esinamavili emva kokudutyulwa eqhuba iteksi ngo2019. Intombi yakhe icele uncedo kumakhasi onxibelelwano.
NgokukaZikhona, umama wakhe akazange afumane nesitulo esiqhutywayo esibhedlele; wancedwa ngabantu abambonelela ngesidala, into eyenza kube nzima ukuba ahambe ngaso.
“Andinangxaki yokumbeleka emqolo kuba ngumama wam. Into endikhathazayo kukuwa kuba indlela imbi ingakumbi xa kunetha,” ucacise watsho.
UZikhona udize ukuba ebesoloko etyibilika embelekile umama wakhe emqolo. “Xa esiwa aze alile, intliziyo yam iba buhlungu. Usakhalaza ngeentlungu zomlenze wakhe, ngoko ke andiqinisekanga nokuba andikhange ndimophule na,” wongeze watsho.
Uvale ngelithi, “Ndicela inkxaso kuye nabani na ozimiseleyo ukusakhela indlela ukuze sikwazi ukutyhala isitulo esinamavili. Loo mntu usekwakhiweni kwaye ucinga ukuba angasenzela okuthile. Okanye loo mntu unelori ocinga ukuba angalahla amatye ukuze kuhambeke ngcono. Sicela uncedo lwenu. Isitulo sethu esinamavili sele siphelelwe lixesha. Xa kunetha siye sibize imoto ukuba imlande, nalo moto iyaxinga.”
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10