Ubethwe izihlandlo ezintathu zobomi esejele!

UKhulile Mbobela, 27, uza kuchitha ubomi bakhe entolongweni ngenxa yezenzo zakhe ezigwenxa zokuxhaphaza abantu ababhinqileyo ezifana nokuqweqwedisa kwanokudlwengula.

UMbobela ugwetywe ngoLwesibini kule veki emva kokufunyanwa yinkundla yamatyala aseGqeberha kwiveki ephelileyo enetyala lokudlwengula abantwana abangamantombazana abaphakathi kweminyaka eli-19 kwakunye nama22.

Ngokwengxelo, uMbobela amaxhoba akhe ebeye awagrogrise ngemela. Ingxelo iqhuba ithi wadibana nezi ntwazana zimbini zizihambela wazinyanzela ekubeni zihambe naye, wabe ezikhombe ngemela besiya ethafeni. Waqala ngokufuna imali kwezi ntwazana, zakungabi namali wazidlwengula.

UMbobela wakwenza oku ngonyaka ka2020. Wabanjwa ngomhla wesihlanu kwinyanga yoKwindla kwaku2020. Wabanjwa ngamapolisa ze wakhutshwa ngebheyile yeR2000. Kwiveki ephelileyo ngoLwesihlanu uye wabuyela enkundleni eGqeberha nalapho iye yamfumana enetyala lokuxhwila, ukudlwengula kwanokuzama ukuphanga. NgoLwesibini kule veki uye wanikwa isigwebo sobom.

UMkomishinala wePhondo uNjengele Nomthetheleli Mene usamkele esi sigwebo.

“Abantu ababhinqileyo bonzakele, bedlwengulwa bekwabulawa ngabantu ababaziyo kwaye nababathembayo, kwangabantu abangabaziyo abafuna ukuzivavanya kwanokubalawula. Izigwebo ezinje zithumela umyalezo oluqilima kwabanye babenzi bobubi bokuba amapolisa kwakunye neGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) bazimisele kumsebenzi wabo wokulwa uxhatshazo kwabasetyhini,” utshilo uMene.

UMene ukwaqhwabele izandla nabecuphi betyala.