Ubethwe kanobom kusithiwa ligqwirha!

Inkosikazi yaseNtlonyana eXhorha iphila ngoloyiko emva kokubethwa ngumfana athi angantanganye nomzukulwana wayo, eyibetha kuba esithi iligqwirha.

“Gqwirha ndini ndikufumene namhlanje! Undibulalelani? Nguwe lo undithakathayo! Ndandiyokunkcenkceshela izityalo ngeli langa kwigadana yasebumelwaneni endimane ndinceda kuyo ngethuba ndidibana nalo mntwana, nowabe sele esonda ngam endibetha ngepali nangeqokobhe elihlala amakhoba ebhiya. Wayengakhethi ndawo emzimbeni, endibetha apho afuna khona, ngethamsanqa ndabe ndisezingqondweni ngelo langa,” itshilo le nkosikazi ibalisela eli phephandaba.

Le nkosikazi (60) iqhube yathi ukuba kwakungazange kufike umfazi wasekuhlaleni ayinqandele ngeyayibhubhile kuba yayisele inikezele, ingasakwazi nokuhlanganisa ngezandla kwaye sele igxiza igazi. Ithi ngeyayifile kuba wayesithi uza kuyibulala.

“Ndandisele ndiyeke nokukhala oku kome umqala, ndinikezele, endibetha umntwana kwaye endithuka. Esithi engungantweni nje kungenxa yam. Lo mntwana ngowalapha elalini, ukhule nabazukulwana bam, ndingumzali kuye. Zange ndaxabana naye, zange khe kwakho into esixambulisana ngayo ngaphambili, nam ndothuka xa sele endihlasela,” utshilo umama.

Ubuso bukamama bunemitshiti yokubethwa, uthi nokubona ngamehlo akusafani nangaphambili, anayo ingxaki.

Itshantliziyo elilwela uluntu kulo mmandla, uMthetheleli Bhele, owasa lo mama esibhedlele iMadwaleni engakwazi nokuthini, iingalo eziphakamisele phezulu, uthi abantu abangoomama banamalungelo kufuneka bahlale bekhuselekile kwaye bekhuselwa ngabazukulwana nangoonyana babo, hayi ukuba babaxhaphaze.

“Wambetha wamonzakalisa umntomdala ngezi zityholo le ntwana. Xa ubetha umzali wakho abe nje ucinga ukuba amashwa awunokuba nawo ke? Akukho mntu mdala unokubethwa kanje, wayexobuke nobuso obu. EMadwaleni esibhedlele sanikwa iphepha lokuvula ityala kwisikhululo samapolisa eXhorha. Ityala salivula, wabanjwa lo mfana nangona nje sambona sele ephumile engakhange umama aziswe,” utshilo uBhele.

Ixhoba lithi emva kokuhlazeka kwalo elalini lakhe lanqaba nakwiindawo zentselo nakwizici zelali. Uthi kwakusa ehleli ngumothuko nokoyika. Oku kwenzeke ngoNovemba kunyaka ophelileyo, kodwa uthi isahleli kuye entloko le mini.

UBhele uthi unqwenela ukuba urhulumente nabasemagunyeni beze naseXhorha ukuzokufundisa ngamalungelo oluntu ukuzama ukunqanda izehlo zokuhlaselwa koomama kuba kusithiwa ngamagqwirha.

Usihlalo weqonga lamaGqirha aseBuffalo City, iTraditional Healers Forum, uMeriber Bokolo, nowaziwa ngelikaMamTshawe eMdantsane, uthi bengabanyangi beMveli abayiqhwabeli zandla into yokuxhatshazwa kwabantu kuba kusithiwa bayathakatha.

“Asiyiqhwabeli zandla into yoxhatshazo olukhoyo kumanina kwaye alukho sezilalini qha, nasezilokishini lukhona. Kwaye abantu abadala mabahlonitshwe kuba ngabona sincanca kubo amava, ukubethwa kwabo akwamkelekanga kwaphela. Singamagqirha sayeka ukubiza igama lomntu xa sivumisa, ngoku sikubonayo ukuba ukufa kusembizeni kuba singafuni kwenzeke izinto ezinje ngezi, esikwenzayo sinyanga umntu aphile,” utshilo uMamTshawe.

UMamTshawe uthi yona intakatho ikhona, wonke umntu uyayazi into enjalo ikhona kodwa ayithi lo nto mababethwe abantu. Uthi ngamanye amaxesha kuzube umntu esenziwa bubudala xa ethetha pha naphaya ingebobugqwirha.