Ubethwe wabhubha ngabahlali emva kokubulala umakhulu wakhe

Emva kokuba ixhegwazana elinamashumi asibhozo anesithathu ubudala (83) lelali yaseZwelitsha, kwidolophu yaseMatatiele, libethwe kanobom labhubha ngenduku ngumzukulwana walo onamashumi amabini anesihlanu (25) ubudala, nabahlali belali bathathe khona beziphindisela, bambetha wabhubha naye umzukulwana.

Ingxelo eziphuma kwisithethi samapolisa ala mmandla uKapteni Raphael Motloung ithi, umzukulwana uthe xa ebuya ezitshomini emva kwemini, wanyanzelisa ukuba uninakhulu wakhe amnike imali ngenkani, akungavumi wangena kuye ngenduku embethela oogqirha nezicaka.

“Umzukulwana ukhuphe imela wancedisa ngayo, waye eqatsela ukuba ndlongondlongo wangena nakudade wabo ngemela obehleli noninakhulu wabo. Ngokukhala kodade wabo, abahlali baye basabela babe sele bebalekiselwa esibhedlele. Udade bomrhanelwa usasindile, ixhegwazana lona liye labhubhela endleleni,” utshilo uMotloung.

Uqhube wathi kulapho abahlali bagqibe ukuba bathathele umthetho ezandleni zabo ngokuthi babethe babulale umzukulwana.

Uthi amapolisa alivulile ityala nangona nje kungekabanjwa mntu. Uthi oku kungathi kuthathe ixesha nanjengoko ingabantu abaninzi ababethileyo kodwa uphando luyenziwa ngamapolisa.

Imela kwakunye nenduku ebekusonzakaliswa ngazo amaxhoba ziselugcinweni lamapolisa eMatatiele.

abongile.ginya@inl.co.za