Ubethwe wabulawa ngenxa yekhadi likaSASSA

Babanjiwe abantu abahlanu abatyholwa ngokubulala indoda ngezityholo zokuba ikhadi lakwaSassa kudade wabo.

Abarhanelwa – abangamadoda amathathu nabasetyhini ababini – baza kufola kwinkundla kamantyi yaseNew Brighton eGqeberha ngoLwesihlanu.

Ngokwengxelo yamapolisa, abarhanelwa abaphakathi kweminyaka engamashumi amathathu ananye (31) ukuya kumashumi amane anesibhozo (48) ubudala, bajongene netyala elongezelelweyo lokuzama ukubulala.

Isithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu uthi kutyholwa ukuba ngomhla wesithandathu kweyoMqungu, udade bomfi wafumanisa ukuba ikhadi lakhe lakwaSassa kunye nencwadi yakhe ilahlekile kwindlu yakhe ekwisitalato iSomfula eZwide.

Xa umnakwabo, uLwando Kana, 31, kunye nomzala wakhe bekhanyela besithi abawazi amakhadi akhe aphi, wazisa uluntu.

Bamalunga nama30 abantu bafike endlini baza bathatha aba babini babasa kwipaki ekufutshane, apho babethwa ngezabhokhwe, imibhobho yamanzi kunye neentonga.

UNaidu uthi babuyiswa emva kohlaselo.

“Ngentsasa elandelayo, uKana wafunyanwa ebhubhile endlini ngelixa umzala wakhe oneminyaka engama42, nowenzakele kakhulu, wasiwa esibhedlele ukuze afumane unyango.”

UNaidu uthe ngentseni yangoLwesine, amalungu eSAPS KwaZakhele abambe abarhanelwa abahlanu kwizindlu zabo eZwide.

UMkomishinala weSithili saseNelson Mandela Bay, uMajor General Vuyisile Ncata, uphinde wazigxeka kabukhali ezi zenzo zobundlobongela zingenangqiqo.

“Nokuba umntu okanye uluntu lunomsindo kangakanani na, umthetho awunakuthathelwa ezandleni zabo, kwaye nasiphi na isenzo solwaphulomthetho esibonwayo okanye esirhanelwayo kufuneka sixelwe emapoliseni.”