UBetusile noDumi ngabasasazi benkqubo kamabonakude!

UBetusile Mcinga noDumi Mkokstad eDumisa TV Umfanekiso: Uthunyelwe

UBETUSILE Mcinga nogxa wakhe kumculo wegospile uMdumiseni Ndzimande odume ngelikaDumi Mkokstad, batyhile kwelinye icala nanjengoko bezakukhwela eqongeni elinomohluko kwesi sihlandlo.

Esi sibini, nesidume ngengoma, siza kube sisasaza inkqubo kamabonakude ebizwa ‘Amacilongo’ kwiDumisa TV.

Encokolela I’solezwe ngalo msebenzi wakhe mtsha, uBetusile Mcinga, uthi “Senza inkqubo esisondeza kwixesha lePasika, sineekwayala zeCawa kwaye sincokola ngamazwi asixhenxe athethwa emnqamlezweni.”

“Ngoko ke ndizakube ndisenza loo nkqubo noDumi [Mkokstad] ,” utshilo uBetusile.

Le nkqubo kulindeleke ukuba iqale ngomhla wokuqala kuTshazimpuzi, iza kudlala ngoMgqibelo nangeeCawe.

UBetusile ukwadize ukuba emva kwePasika bazakwenza enye inkqubo kodwa abakahletyelwa ngokuza kwenzeka kuyo.

Kubonakala ngathi uBetusile noDumi sele beqalile nokulungiselela le nkqubo emva kwekhamera.

Simbuza ukuba uza kukulungela kwisini na ukusasaza nanjengoko esaziwa njengomntu oneentloni. “Kudala ndaxelelwa ukuba ndineentloni, kodwa ndihlala ndibabonisa ukuba ndingubani kanye xa ndiseqongeni, ndiyacinga ukuba uThixo uyandinika amandla wokwenza nantoni na afuna ndiyenze,” utshilo.

Uthi bayonwabele le nkqubo noDumi, kwaye benza into abayithandayo, ngoko akukho mehluko phakathi kokucula nokuma kwiqonga lokusasaza.

UBetusile ukwasihlebele nangecwecwe lakhe elitsha eliza kuphuma kwiiveki ezizayo. “Eli cwecwe lineengoma ezilishumi elinesithandathu. Kuyandonwabisa ukuphuma kwalo kuba ndisebenze neqela endiqhele ukusebenza nalo, uDumi, Jumbo, Malizole, Kamva, Mxolisi Mhlongo kunye noWinnie Mashaba.”

Eli cwecwe libizwa “Intando Yakho” lineengoma ezifana noMandithwale, Vus’ owakho, Amandla noSembathiswe.

Ingoma ethi “Mayenzeke intando yakho” uyenzele oogxa bakhe abasandul’ ukuwa endleleni abafana noLundi Tyamara kunye noSifiso Ncwane.

Kulindeleke eli cwecwe liphume ekupheleni kwale nyanga.

simphiwe.freddie@inl.co.za