UBeyonce noJay Z balizwe ngamawele

UBeyonce' wabhengeza ukukhulelwa kwakhe kwikhasi le-Instagram ngenyanga yoMdumba

Iingxelo ezijikelezayo zithi uBeyonce’ kunye nowakwakhe uJay Z balizwe ngamawele.

Eli qhawekazi lithandwa kunene emculweni nomyeni walo okwayimvumi yomculo weHipHop bazimanya ngeqhina lomtshato ngonyaka ka2008, bobabini, bakwangabazali bomntwana oyintombazana ominyaka mihlanu, uBlue Ivy.
UQueen Bey wabhengeza iindaba zokukhulelwa kwakhe ngenyanga yoMdumba kwikhasi lakhe lika-Instagram.
UBeyonce’ akakhange abonakale kumakhasi wonxibelelwano kwezi veki zimbini zidlulileyo, nto leyo ethe yenza abathandi bakhe barhanele ukusondela kwexesha lokugaleleka kwamawele.
Akukabikho zwi liphumileyo ngobuni bamawele okanye amagama awo.
Singasemoyeni!