Ubhale incwadi eneminyaka elishumi

UNGCALI Xhegwana (12) uqale eneminyaka elishumi ukubhala incwadi kwaye uthi akabuyi ngamva ekubaliseni amabali kuba yinto emkhuthaza nangakumbi leyo.

Sithetha nje zimbini iincwadi asele ezipapashile, eyesiNgesi (Woodland) kwaneyesiXhosa (Udyakalash’ Onkone), kwaye usebenza kweyesithathu kulo nyaka.

UXhegwana ebengomnye wezithethi kwiAmazwi Puku Story Festival ebibanjelwe eAmazwi South African Museum of Literature eMakhanda kwiveki ephelileyo.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa uXhegwana uthe: “Kwavele kwafika nto kum ethi mandibhale, yakhula le nto noxa nje kum yayiluthando nje. Utata wam wandikhuthaza ukuba ndibhale ngokuzimisela, wandincedisa kwimiba yopapasho.”

UXhegwana uthi ubomi bakhe abusafani nakuqala ukusukela oko wathi waqala ukubhala.

“Butshintshile ubomi bam ukusukela oko ndaqala ukubhala. Ndifumana amathuba ebendingenokuwafumana ukuba bendingengombhali.

“Ukubhala ngesiXhosa kwenza ndibalise ngenkululeko kuna xa ndibhala ngesiNgesi. Amanye amagama esiNgesini kubanzima ukuyibeka icace gca into ngolu hlobo ufuna icace ngalo.

“Abanye abantu abayikholelwa le nto yam yokubhala ndimncinci noxa nje ndiye ndibone ukuba bayayonwabela. Ndiza kuqhubeka nokubhala, noxa nje ndiza kulandela khondo limbi ekukhuleni, kodwa ukubhala asoze ndohlukane nako,” utshilo uXhegwana.

Incwadi kaXhegwana iyafumaneka ku: www.smashwords.com ukhangele igama lakhe, ze ulandele imiqathango.