INKOKHELI yeDemocratic Alliance eMpuma Koloni, uNqaba Bhanga, ukwigumbi labafuna ingwalasela emandla esibhedlele emva kotyando kulandela ukophela ngaphakathi okubangelwe yingozi yemoto eshiye abantu ababini bebhubhile kubusuku bangoMgqibelo.
Le ngozi yenzeke kuR75 eGqeberha. Iingxelo zithi lo mhla wangoMgqibelo ibilusuku apho uBhanga ebebhiyozela ukugqiba iminyaka engama-44.
Le ngozi yenzeke emva kokungqubana izithuthi ezimbini – iAudi neMercedes Benz. Abebekhwele kwiAudi babhubhile bobabini ze uBhanga, obeqhuba iBenz, wafumana umonzakalo.
Omnye wababhubhe kule ngozi uchazwe njengoNonzwakazi Maho (44), logama umntu oyindoda obehamba noMaho ebengekaziwa.
USihlalo weDA eMpuma Koloni, uAndrew Whitfield, uthi uBhanga ukwimeko ezinzileyo.
“SiyiDA sithumela amazwi ovelwano kusapho nabahlobo babo bathe baphulukana nobomi babo [kule ngozi]. Sibanqwenelela amandla kweli xesha linzima,” utshilo uWhitfield.
Amapolisa ayaqhuba nophando lwawo malunga nale ngozi.
Ngo2019, uBhanga wagaxeleka kwingozi yemoto apho kwabhubha umntu omnye.
iSundowns ingombe iSibanye emdlalweni obutaka iintlantsi eLoftus Stadium!