UBhanga uvana amandla noMvenya

Nqaba Bhanga

INTO esengqondweni kaNqaba Bhanga inye, kukuba iDA ilawule iphondo leMpuma Koloni ngonyaka ka-2019.

Kule mpelaveki, kwihotele i-ICC eMonti, uBhanga uzakuziva amandla ekhuphisana noVeliswa Mvenya kwisikhundla sokukhokela iDA ephondweni. Esi sikhundla sivuleke emva kokuba ebeke phantsi kuso uAthol Trollip esiya kusebenza njengoSodolophu waseNelson Mandela Bay.

Nokuba ngubani ophumelela ugqatso, phakathi kukaBhanga noMvenya, uxanduva luza kuba ngumdolomba emagxeni enkokeli ekubeni iqinisekise ukuba iDA yenza ngcono kunyulo luka-2019.

UBhanga, ozibandakanye neDA ngonyaka ka-2014 esuka kwiCOPE, uthi ukusebenza kwakhe noTrollip eNelson Mandela Bay kumnike amava okwazi ukujongana neemeko ezinzima kulo mbutho.

“Siyithathile iNelson Mandela Bay, apho bendisebenza noAthol Trollip. Ngoku ulawulo lweDA yephondo oluzayo luza kususa iANC elulawulweni phaya eBhisho. “Siza kuthatha iDA siyise ezilalini, sakhe amasebe aluqilima. Siza kwenza iinkqubo zokuqeqesha amalungu nooceba beDA, ukuze balungele ulawulo lwephondo ngo-2019,” utshilo uBhanga, osebenza njengoceba weDA eNelson Mandela Bay.

“Sasitshilo ukuba siza kuyilawula iNelson Mandela Bay, ngoku sithi abantu bakuthi mabalindele ulawulo lweDA kwiMpuma Koloni,” kutsho uBhanga.

Ethetha nephephandaba I’solezwe kutshanje, uMvenya uvakalise ukuba ulungele olu gqatso.

“Kuqala bendisoloko ndingafuni ukuzigqatsa, ndimyeka ugxa wam uTrollip ezigqatsa. Isizathu kukuba bendifuna ukufunda phaya kuye uTrollip.

“Ndiwufundile umbutho, ndiyalazi uxanduva endijongene nalo. Enye into ebendingayifuni yile yokuba kuthiwe ndifakwa kuba ndingumntu omnyama. Ndikhulile ngoku kwiDA, apho ndihamba khona kuhamba iDA, futhi akekho namnye umntu onokundithandabuza,” kutsho uMvenya.

UMvenya uthi xa eyinkokeli yeDA, uzakuwuthatha lo mbutho awuse “kudumo” lonyulo ngo-2019.

“Ngoku iDA isasilela kwindawo yephandle ebelisaya kwaziwa njengeTranskei. Abantu basemaphandleni, apho ndizalelwe khona, bafuna ukuqala bakuthembe phambi kokuba bakulandele. Abantu basemaphandleni bayandithemba,” utshilo uMvenya.

Inkongolo yeDA yephondo iqala ngoLwesihlanu, apho uTrollip kulindeleke ukuba enze intetho khona. NgoMgqibelo, usuku lokugqibela lwenkomfa, inkokeli yeDA uMmusi Maimane uzakwenza intetho apho abaphumelele ugqatso kulindeleke ukuba babhengezwe.