Ubhaqekile umzimba wentwazana

Ude wabhaqwa umzimba wentwazana enamashumi amabini ananye yaseMakhaza eKhayelitsha owalahleka ngenyanga yokuqala kulo nyaka sikuwo ngethuba kwakubhiyozelwa ukugqiba kwakhe iminyaka engamashumi amabini ananye kowabo.

Umzimba kaAnelisa Dulaze, ubhaqwe ungcwatywe ngaphantsi kwesiseko sendlu engekagqitywa ukwakhiwa kwaseMakhaza ngamapolisa, sele kubanjwe umfana onamashumi amabini anesithathu ngeso sehlo.

Iingxelo zithi UDulaze wayeyokugqibezela usuku lakhe kwindawo yentselo ekufutshane neetshomi zakhe.

Usapho kwakunye neetshomi zithi ukubhaqwa kwakhe kuzise uxolo nakubo.