Ubhaqwe esikwe ingono yebele nendlebe!

Kubhaqwe umzimba wenkosikazi egama linguNomajama Khetshiwe (41) sele ungenawo amanye amalungu omzimba afana nendlebe yasekhohlo, imehlo lasekunene kwakunye nengono yebele lasekunene.

UKhetsiwe (41) ugqityelwe ukubonwa kowabo eMasakala ngomhla we12 kule nyanga, ze kwabhaqwa umzimba wakhe ngoLwesihlanu umhla we16.

Amapolisa ayarhanela ukuba umzimba uye wayokunyengezwa ngakwikhaya lakhe ukuze ubhaqeke.

Amapolisa avule ityala lokubulala, akukabankwa umntu.

Amapolisa ommandla waseAlfred Nzo acela nakubani na onokuthi akwazi ekuncediseni ngolu phando ukuba aqhagamshelane noKapteni Sibongile Magobolo: 071 475 2249 okanye 08600 10111.