Ubhenele enkundleni uDe Lille eyokuqinisekisa ukuvota khululekileyo kooceba beDA

Patricia de Lille Umfanekiso: Bheki Radebe / ANA

EKAPA: UBHENELE enkundleni  uSodolphu waseKapa uPatricia de Lille ngenjongo zokuqinisekisa ukuba ooceba beDA bavota ngokweentliziyo zabo, nokuba bazokuvotela ukuba ahlale okanye athotywe esikhundleni sakhe ngomhla we15 kule nyanga.

Iqaqobana looceba beDA bavotela ukuba angathotywa esikhundleni uDe Lille kwintlanganiso yalo mbutho kwinyanga ephelileyo.

IDA ifuna ehle uDe Lille esikhundleni sakhe isithi ulawula gwenxa kwisixeko saseKapa. Ikwamtyhola nangokungawuphathi kakuhle umba wembalela egquba kweli phondo, isithi akalugqithisi ulwazi olwaneleyo ebahlalini.

Wasindiswa yiANC kwintlanganiso yebhunga ngokuthi irhoxise ivoti yayo yokungamthembi lo ka-De Lille.

“Ndiye enkundleni ephakamileyo yaseNtshona Koloni ndiyokuqinisekisa ukuba amalungu eDA akhululekile ukuvota ngokweentliziyo zabo nokuba bavotela mna okanye bayandichasa. Ndifuna nevoti esemfihlweni. Andinqweneli ukuthintela ukuvotela ukungathenjwa kolawulo lwam, kodwa ndifuna isiqinisekiso sokuba oku kuzakuqhubeka ngokomgaqo-siseko kungabikho makhwiniba, ingakumbi xa ndithathela ingqalelo indlela endiphethe ngayo iDA kulo mba,” utshilo.

Inkundla igwebe ngakwicala likaDe Lille nto leyo usihlalo wequmrhu lokugweba izimilo kwiDA uJames Selfe athe uyayamkela.

Uceba weDA ongafunanga ukuchazwa uthe iDA imqaba nje ngenqatha uDe Lille engatyanga nyama. Uthe inye into ecacileyo yeyokuba uyasishiya isikhundla sakhe qha. “Kukho abajonge esi sikhundla ngamehlo abomvu. Uzakuphuma yena noba kukanjani. Kodwa ke akenzanga nto tu yena. Ulawulo lwesixeko luxanduva lweDA hayi umntu omnye,” utshilo.

michael.nkalane@inl.co.za