Ubhiyozela iminyaka engamashumi asibhozo uMadikizela-Mandela

Umfanekiso kaWinnie Madikizela-Mandela ekunye nenkokeli yeEFF uJulius Malema, kwakunye noCyril Ramaphosa. Umfanekiso: IOL

UBHIYOZELE iminyaka engamashumi asibhozo unkosikazi Winnie Madikezela-Mandela kwihotele
yodumo iMount Nelson eKapa. Lo kaMadikizela-Mandela uzakuba ezalwa ngomhla
wamashumi amabini anesithandathu kule nyanga yoMsintsi. Usekela mongameli welo Mzantsi Afrika uCyril Ramaphosa ubeyinxalenye yalo mbhiyozo ephelekwa
ngumphathiswa uMalusi Gigaba nabanye osaziwayo.

UMadikizela-Mandela
uxelele longinginya ukuba akazukuthetha ngomcimbi waseMarikana okanye ingxaki
yerandi yeli eyehlayo. ”Ndihlala ndizitsweba ndizama ukuqiniseka ukuba ingaba
ndisaphila ngenene na,” uthethe oko uMadikizela-Mandela. Umongameli we Economic
Freedom Fighters uJuluis Malema kunye nosihlalo we EFF uDali Mpofu
bebeyinxalenye yalemibhiyozo.

Ethetha
kulomcimbi uRamaphosa uxelele longinginya ukuba eli linenekazi liqinileyo lingumzekelo kwintlalo yabantu boMzantsi Afrika. ”Ulilitye ledayimani elakhelwe
ukuhlala ixesha elide, elakhelwe ukuhlala liqaqambile, lakhelwe ukuba lingaze
liqhekeke,” utyibele watsho uRamaphosa.