UBhodl’ ingqaka nguBhodl’ izithuko?

Imbongi yosiba uAkhona Mafani (Bhodl’ingqaka) waseRhini, unikwe uphum’aphele kwimicimbi yesebe lezemidlalo nenkcubeko kweli phondo ngenxa yombongo wakhe ogxeke umongameli uJacob Zuma. UMafani ufumene ingxelo zokuba umbongo wakhe ucaphukise umphathiswa uPemmy Majodina de washiya phakathi umcimbi ububanjelwe eRhini ngomhla wesithathu kule nyanga.

“Ngumbongo obhaliweyo lo bendivakalisa izimvo zam apha ngento endikholelwa ukuba iyaqhubeka apha elizweni lethu, ngeli xesha ndenza lo mbongo ndibone umphathiswa [Majodina] ephuma, umphathi-nkqubo wandixelela ukuba umphathiswa umkile ucatshukiswa ngulo mbongo wam uthukayo,” ucacise watsho uMafani. Owona mhlathi uchukumise umphathiswa uMajodina, ngokokutsho kukaMafani ngulo: 

“Thina sizenzile masingakhalelwa kuba sawuyeka umhlaba!
Wazama-zama, waZuma, eSholoza ngomtshini wakhe!
Namhlanje usibetha ephangweni!”

Le mbongi yenze oku ngomhla wesithathu kwinyanga yeKhala eRhini xa bekuqalwa iinkqubo zeNational Arts Festival yalo nyaka nevale kwiveki ephelileyo.

Le mbongi ithi inkululeko ayibonayo yenika igunya oohlohl’esakhe ukuba banyobe ukuze iimbongi zingabadizi okanye zingabahlazi, kodwa zisabotshelwe ngamatyathanga emiqaleni. 

“Batshintsha ukuthetha ngoku bathi andikwaywanga, koko ndiyakhalinyelwa, xa besithi andiphindi ndifumane iqonga, oko kuthetha ukuba ndinikwe uphum’ aphele,” itsho le mbongi. 

Othethe egameni lesebe lezeMidlalo, uLonwabo, ubuGcisa neNkcubeko eMpuma Koloni, uAndile Nduna, uthi aziyonyani iingxelo zokunikwa uphum’ aphele kwale mbongi kwimicimbi yela sebe. 

“Akakhange umphathiswa atsho ukuba ikwayiwe le mbongi, into esingenakuyinyamezela kukusetyenziswa kolwimi olungamkelekanga esidlangalaleni; kuthukwa abantu abathile. Luxanduva lwethu ukuqinisekisa ukuba ulwimi olusetyenziswayo lwamkelekile,” utsho uNduna. 

Kwimiqolo yombongo esizifundele yona siliphepha asikho isivakalisi esibonisa isithuko, koko imbongi isebenzise izikweko kwizivakalisi zayo.

Ukukwaywa okanye ukuhluzwa ngendlela ezithetha ngayo iimbongi neentatheli sesinye sezixhobo ezazisetyenziswa ngemihla yakudala kurhulumente wocalucalulo. Iincwadi, iingoma nemibongo yeemvumi ezininzi zeli zifumene ithuba lokufundwa ngokukhululekileyo emva kwenkululeko ka1994. Esinye sezicatshulwa zale mbongi ezivuse umnyele kaMajodina sesi: 

“Emveni kwamajingiqhiwu engcinezelo sathwa ntimfi ngento abathi ukuyibiza yinkululeko,
Endingekayiboni nasemdudweni,
Saqhaswa siqhathwa ngeentonga zomlomo,
Sathenjiswa ngobomi obusesibhakabhakeni.” 

UNjingalwazi Mhlobo Jadezweni okwicandelo leelwimi zaseAfrika kwiYunivesithi iRhodes uthi ayinatyala le mbongi.

“Imbongi ziindlebe nomlomo wesizwe, izinto ezidla umzi zithethwa yimbongi, uncedile uAkhona athethe ezi zinto kuba iinkokeli zethu zisengela eziswini zazo,” uthethe oko uJadezweni. 

Lo Njingalwazi wenze umzekelo kaMelikhaya Mbuthuma owayebonga uKumkani uSabatha Dalindyebo, “wayengamfihleli emxelela ngeempazamo zakhe eziquka ukuthanda izinto ezithile, oku ekwenza ngeenjongo zokuba ancedwe nangabo bamngqongileyo!”

Ukanti ooNduna bona bathi zisavuliwe iingcango kule mbongi. Nangona umphathiswa ethe ingaze iphinde inikwe ithuba. 

“Le mbongi yamkelekile nanini kwimicimbi yesebe, siyazi ukuba wonke ubani unegunya lokuvakalisa izimvo zakhe, kodwa ulwimi olukrwada asinakulamkela,” uvale ngelo uNduna. 

Le mbongi izakube iseqongeni eRhodes, eRhini, ngoLwesihlanu (namhlanje)  kwisikhumbuzo sikaSamuel Edward Krune Mqhayi, utsho uJadezweni.