Ubhubhe engahoywanga kwisibhedlele saseGcuwa

Lugcuma yintlungu nomvandedwa usapho lukaNolusindiso Mndende (68) wakuGatyana, owathi waphathwa gadalala zizibhedlele ezibini zeli phondo de wabhubha.

Ingxelo yosapho ithi le nkosikazi ibaleke isibhedlele saseGcuwa isiya kwisibhedlele saseFrere eMonti ngenxa yembali ende yokungaphatheki kakuhle kwisibhedlele saseGcuwa.

Umzukulwana walo mama ongakwazi kulala emva kokubona uninakhulu engcungcuthekiswa ngabongikazi eFrere naseGcuwa uBulelwa Ladlokova,

uthi akanakuze axole yinkohlakalo ayiboniswe zezi zibhedlele.

“Siqeshe imoto ngamawaka amabini anamakhulu amahlanu eerandi (R2500) ukusuka kuGatyana ukuya kugqirha wabucala eMonti wasigqithisela eFrere, saxelelwa ukuba akukho ndawo masiphindele eGcuwa, egula umakhulu,” uthethe watsho uLadlokova.

Uthi bafike ngentsimbi yeshumi ngomhla wamashumi amabini ananye kweyeDwarha, bengafumani ncedo kwisibhedlele saseFrere.

“Emva kwemini saxelelwa ukuba akukho ndawo yokulalisa umakhulu, silinde imini yonke besithi bazama icebo lokuba aye kwi X-Ray, ugqirha wasinika incwadi ebhale ukuba asifuni kuya kwisibhedlele saseGcuwa, emva kokulinda sahamba ezinzulwini zobusuku ukuya eGcuwa singancedwanga eFrere,” ekhathazekile utshilo uLadlokova.

Uthi incwadi abayinikwa eFrere ibonisa ukuba bebengafuni kuya kwisibhedlele saseGcuwa, nto leyo yabangela intshutshiso esuka kubongikazi baseGcuwa.

“Umakhulu wagcinwa kwindawo yabantu abenzakeleyo ukusukela ngoko, kusithwa ilift ayisebenzi ukuze akwazi ukuya kwigumbi lokulala, ndandimphipha ngokwam, abongikazi bebuza ukuba uzakuthwani xa emkhulu kangaka,” ucacise watsho uLadlokova.

Le ntwazana yenze lo msebenzi wokonga uninakhulu ukusukela ngomhla wamashumi amabini ananye kwinyanga yeDwarha ukuya kumhla wamashumi amabini anesithathu, umhla awabhubha ngawo.

“Abongikazi baseGcuwa bebendikhumbuza rhoqo ngezi ntsuku zontathu ukuba besingafuni kuza kwesi sibhedlele, bendijula ngezinto zokucoca umakhulu, ndimcoce ndincediswa ngoonogada, baqale ukusondela kuye ngalo mhla wokubhubha kwakhe bendixelela ukuba uyabhubha,” ucacise watsho uLadlokova.

Ngenxa yale mpatho kwezi zibhedlele akukho sigulo sichaziweyo esibangele ukubhubha kwalo mama ngomhla wamashumi amabini anesithathu kweyeDwarha.

“Ngoncedo lwesithethi sesebe lezempilo eMpuma Koloni uSizwe Kupelo, ndakwazi ukuthetha namagosa esebe ayetsale umnxeba ekwiziko lengxaki zeli sebe, emva kokuba yena wathumela umntu ekuthwa nguNtlube ukuba anditsalele umnxeba,” utsho uLadlokova.

Umphathi wesi sibhedlele saseGcuwa uWezile Tshali ufune ithuba elaneleyo lokuba enze uphando ngezityholo zokungahoywa kwalo mguli kwisibhedlele saseGcuwa.

Othethe egameni lesebe lezeMpilo eMpuma Koloni, uSizwe Kupelo, ubongoze uLadlokova ukuba alandele iindlela ezisemthethweni zokufaka isikhalazo.

“Makafake isikhalazo ngokusemthethweni malunga nendlela athe waphatheka ngayo phaya kweza zibhedlele, ukuze kuthathwe amanyathelo asemthethweni,” uthethe watsho uKupelo.

Yimali ekwibhiliyoni ezilishumi elinesixhenxe yomdliwo elijongene nayo isebe lezempilo eMpuma Koloni ngenxa yokungakwazi kwenza umsebenzi wokukhathalela abaguli.

Kumatyala akwikhulu elimashumi amahlanu anesihlanu, isebe lezempilo liphumelele amatyala amane kuphela.