Ubhubhe ezihlanganisela owesihelegu sezembe

 

AMANXEBA ezembe asezingalweni kuNomzamo Sikhundwana (42), akhombisa ukuba kubekho ukujijisana nalo mbulali phambi kokuba ibe kanti iyatshaba le nkosikazi.

Usapho lurhanela ukuba lo mbulali umlinde walala uNomzamo phambi kokuba amqubule ngezembe.

Amanxeba kaNomzamo, ngokokutsho kukatata wakhe uMhlanti Sikhundwana, abonakalisa umntu ohlasele ngenzondo. Omnye wabantwana bale nkosikazi ubhubhe kucaca ukuba ebebalekela kunina osele ebhubhile.

Kangangokuba ebesicwangcisile esi sihelegu, uNoah Makula (32) waseZimbabwe, ude wayalela omnye wabantwana bakaNomzamo, obenkqonkqoza ngokuhlwa kwangoLwesibini, ukuba makaphindele kumakhulu wakhe esithi kuhlwile. Ebekwakhalisa umculo ngesandi esiphezulu ngoba busuku, utsho utat’ uMhlanti.

Okulandeleyo kukuba lo mntwana kaNomzamo obetyhalwe nguMakula kuba esithi kuhlwile, ugangwe ngumbono ombi wezidumbu ezithandathu ngethuba eyokunkqonkqoza kwakhona ngoLwesithathu elungiselela ukuya esikolweni.

Ilali yaseSidabekweni eXhorha, apho lenzekele khona eli sikizi, ayikayikholelwa le nto. UNomzamo ebezihlalela noMakula kwityotyombe eliphantsi kwegadi yakowabo. UMakula unabantwana abathathu (kuquka namawele) kuNomzamo.

UMhlanti uthi umzukulwana wakhe uBalungile ugangwe lolu sana luncinane luneenyanga ezintandathu lusemnyango, amehlo evulekile kodwa labe libhubhile.

“Umzukulwana ubuye weza kwinkosikazi yam, nam ndavuswa. Yhoo, xa ndifika nalu usana lulujaja ligazi. Ndibone ukuba mandiqine isibindi ndingene phakathi. Ngaphakathi yhoo, ndafika ndaphela amandla. Izidumbu ezingaka endaweni enye zange ndazibona. Abantwana abathathu bebethe geqe ecaleni komntwana wam, omnye ungasemnyango, omnye ugqunywe yile ntombi yam.

“UNoah uza kufa naye ngenye imini. Yhini ukubulala abantwana bam kakubi ngolu hlobo. Yhini abantwana bam babulawe ngumntu endingazi nesiduko sakhe,” utshilo uMhlanti, esaleka ngelithi unombilini weebhokisi ezintandathu emzini wakhe.

Uceba wale wadi uPhumzile Makeleni, woMasipala waseMbhashe, uthe: “Oku kuyaxhalabisa kuba le nto mvanje ifuna ukuxhaphaka. Akukokokuqala isenzeka, kwilali engaphesheya kwale eNtsingizi bekubulewe abantu abane. Okubi ke kukuba le nto yenzeka xa kanye ilixesha leentsuku ezijongene nokunqanda iziganeko ezikumila kunje.”

UMasipala woMbhashe nekudala equqa kweli khaya use iipasele zokutya ngeenjongo zokuncedisa ikhaya kwezi ntsuku kusalindwe umngcwabo.

UMbovu Mazola obebambele uSodolophu uSamkelo Janda ongaphilanga, uthi bebeyokujonga ngoMvulo kwakhona okunye okuza kudingeka ngomngcwabo okufana namanzi, intente, izitulo nokunye.

UMakula uvelile kwinkundla yaseXhorha kule veki. Ngokwengxelo ephuma kwiSithethi seGunyabantu lezoTshutshiso, uLuxolo Tyali, uMakula ucele igqwetha likarhulumente kwaye wacela netoliki eza kumtolikela ngolwimi lwesiShona. Ubuyela kwakhona ngoMvulo umhla wesixhenxe.

Ababhubhileyo nguAzakhiwe (10), Yibanathi (7), amawele uThoko noWineka (4) kwakunye noLuphumlo oneenyanga ezintandathu ezelwe. Amaxhoba aza kungcwatywa ngeCawe.