Ibhubhele ehlathini indoda yaseZwelitsha enguding’indawo uSiphiwo Masakazi, (74), emva kokuba ikhaya lakhe lathengiswa ngethuba ebeseziseleni eKapa.
Ingxelo yabahlali ithi le ndoda kudala izijikeleza iindawo ezahlukeneyo kula lokishi ikhangela ikhaya, indawo yokufihla intloko.
Omnye wabahlali abakhe benza inzame ngempilo kaMasakazi, uXolile Mkontwana, uthi kudala bezama ukubenza ngcono ubomi bale ndoda.
“Ndiqale ukumbona ngo2013 kodwa ingumntu endimaziyo ukuba ukhulele kwalapha eZwelitsha, ndenze iinzame zokuba afumane isazisi nenka-nkam kuba ebevela entolongweni eKapa ngelo xesha,” utsho uMkontwana.
Uhambisa athi le ndoda inesizalwane esinye esingumntakwayo oseBhayi, ekungekho bani omaziyo indawo akuyo eBhayi.
“Ngo2014 emva kokuba efumene inkam-nkam yakhe uye waya kuhlala kwindawo egcina abantu abadala eMonti ngoncedo lwesebe lentlalontle, ndothuke namhlanje xa kusithwa ubhubhele kula ndawo sasimthathe kuyo.”
Omnye wabahlali abathathe inxaxheba ukugubhulula lo mzimba wale ndoda kumsele ibibhubhele kuwo uLindi Mooi, uthi abahlali bazakunyanzeleka ukuba benze icebo ingcwatywe le ndoda.
“Asibazi abantu bosapho lwakhe, kodwa sizakunyanzeleka ukuba senze icebo lokuba siqinisekise ukuba uyangcwatywa naye njengabanye abantu,” ucacise watsho uMooi.
Umzimba wale ndoda ufunyenwe ngamapolisa emva kokuba exelelwe ngumhlali othile usembindini wehlathi elikufutshane nezindlu eZone 9 eZwelitsha.
Abahlali bala ndawo bavakalise ukunganeliseki kwabo kukulinda isithuba seeyure ezintlanu abazichithe belinde amapolisa namagosa esebe lezempilo ukuba eze kuthatha umzimba wale ndoda. Akukho manxeba nakwenzakala kubonakalayo emzimbeni wexhoba, ngokwengxelo yamapolisa.
“Akakho umntu onolwazi lokuba yathengiswa njani, ngubani, indlu yakokwabo lo tata, kudala sizama ukuphanda lo nto, asifumani zimpendulo,” uthethe watsho uMkontwana.
Nangona liqalile iphulo lokukhangela isizalwane sakhe esikuphela kwaso esiseBhayi, abahlali bazilungiselela ukuqhuba umngcwabo wale ndoda.
“Ngenxa yokuhamba esenzakala ebengasakwazi kuhamba kakuhle, ebeqhwalela, sicingela ukuba ugodole kule ndawo wada wabhubha kuba ugqityelwe ukubonwa ngoMgqibelo, siqikelela ke ukuba ubhubhe ekuseni ngeCawa,” utsho uMkontwana.
Ixhwele laseKZN noonyana balo ababulala indoda baza kufaka isicelo sebheyile