Ubhubhele isihlalo sobudoda emgidini!

Into yezihlalo kwanobuntanga ebudodeni yinto ebaluleke kakhulu ingakumbi kwabo basandul’ ukungena ebufaneni.

Kanti le nto yezihlalo iphele sele inesidumbu phakathi emva kokuba indoda enamashumi amabini anesithathu ubudala ihlabe yabulala indoda enamashumi amabini anesithandathu kwilokishi yaseLinge kuKomani.

Ingxelo ephuma emapoliseni ithi oku kwenzeke eMzamo ngosuku lokugqibela ku2019 ngethuba uluntu lubhiyozela kumzi ubunomgidi eLinge.

Ingxwabangxwaba ivele kwesi sibini ngohlobo lokuhlala, omnye ebanga ukuba umdala kunomnye, nomnye wabe ephikisa ukuba umdala akanakuhlala omnye ekuqaleni.

Ingxelo ephuma kuKapteni Jackson Manatha nobebambele kula mmandla ngeentsuku zikaxakeka, udiza ukuba esi sibini siye saphumela ngaphandle endlwini nebigcwele ngabahlali.

“Lo unemincinci iminyaka kunomnye uye warhutyula imela wahlaba lo umdala kuye ngokweminyaka emphindaphinda kumzimba ongentla noye wabhubha kwangoko,” utshilo uManatha.

Umrhanelwa uye wabanjwa kwangoko ngamapolisa aseLinge wabekwa ityala lokubulala.

Uvelile kwiNkundla kaMantyi yaseZibeleni.