Ubhubhile obetyholwa ngokubulala inzala yakhe

Uswelekile uNomboleko Simayile, 32, obejongene netyala lokubulala abantwaba bakhe abane (4) kuMhlabubomvu eNgcobo kwiveki ephelileyo.

Ngokwengxelo, lo mama obesejele, uxelele amapolisa emva kwemini ngeCawa ukuba akaziva kakuhle, kodwa akatsho ukuba ukhathazwa yintoni ngokwasempilweni.

Kuthiwa uye wabalekiselwa kwisibhedlele esikufutshane nalapho aye wabhubhela khona.

“Unobangela wokubhubha kwakhe uyakwaziwa kwakube kwenziwe uqhaqho lomzimba,” kutsho ingxelo kaBrigadier Tembinkosi Kinana.

USimayile wabanjwa kancinane emva kokubhubha kwabantwana bakhe abane, nalapho uphando lwafumanisa ukuba unesandla ekubulaweni kwabo.

” Ebhubha nje bekusaphandwa ngoyena nobangela okhokelele ekubulaleni abantwana bakhe,” kutsho uKinana.

Ebekhe wavela kwiNkundla kaMantyi waseNgcobo ngamatyala okubulala, kodwa ityala lamiselwa umhla wama29 kweyeNkanga ukuze kuphulwaphulwe isicelo sebheyile.

Abaphanda ngokuziphatha kwamapolisa (IPID) bavule ityala.