UMaria Branyas Morera oyinzalelwane yelizwe laseSpain, ubhubhe eneminyaka elikhulu elineshumi elinesixhenxe (117) ubudala.
Usapho lwakhe luthi kwiintsuku ezimbalwa ezigqithileyo uthethile wathi uza kuhamba emhlabeni kungekudala.
Ulwazi malunga nabona bantu badala kwihlabathi lugcinwa lukwaqokelelwa ngumbutho wezizwe ezimanyeneyo.
Aba badla ngokunika izizathu ezahlukeneyo ezibangela ukuba baphile ixesha elide empilweni yabo. Abanye babalula ukuziphatha kakuhle, ukutya ukutya okusempilweni nokuzilolonga ngawo onke amaxesha.
Ingxelo yosapho lukaMorera ithi le ngwevukazi ithethe yathi, “Ngenye imini ndakulishiya eli, andisayi kufuna kofu kwakho, andisayi kutya yogathi kwakho,” itsho ingxelo yekhaya.
I-Guinness Book of Records lelinye iqonga eligcina ulwazi malunga nabona bantu badala kwihlabathi nezinye iinkcukacha ezingaqhelekanga ngabantu kwakunye nendalo.
IMasimanyane ikhuthaza ibhola ekhatywayo kumantombazana ngeenzame zokulwa iGBV