Ubhubhile umdlali kamabonakude

Abemi beli loMzantsi Afrika bashiyeke bebambe ongezantsi emveni kweendaba zokubhubha komdlali kamabonakude uNyembezi Kunene.

UKunene ubhubhele kwisibhedlele iLesedi eSoweto eRhawutini emva kwemini ngoMgqibelo, ngenxa yesifo seswekile.

UNyembezi waye waduma kakhulu ngendima ewayeyidlala kumdlalo othi eMzini Wezinsizwa ngeminyaka yo1990 apho wayelipolisa eloyikwayo uMchunu.

Eli gqala lisebenze kakhulu kweli candelo njengoko ebengumdlali, engumbhali, engumlawuli ekwanguye nomvelisi.

Udlalile kwimidlalo emininzi kumabonakude kuquka iRing of lies kuMzansi Magic. Kwiveki esisuka kuyo uKunene uvele ku-e.tv kumdlalo uScandal ebizwa njengoDollar.

Unyana kaNyembezi uSonqoba Kunene, uxelele ijelo likamabonakude ngesi sehlo: “Abantu bathe gqolo ukungena ekhaya, belilisana nathi. Sokuze sizilibale imfundiso asiphe zona.”