Imvumi yomculo weAfro-Pop uZahara uthi ukufumana ubulungisa ngokubhubha kwegqibelo likamama notata wakhe kungabangela ukuba lufumane ukuxola usapho lakwaMkutukana.
UMbuyiseli Nana Mkutukana, owayesalekela uZahara, wadutyulwa wabhubha kufuphi nomlambo wasePhumlani eMonti, ilali kaZahara, ekunye nenye indoda ngomhla weshumi elinesithathu kuTshazimpuzi ka-2014.
Esona sizekabani sokubhubha kwabo isengumba okuphando lwamapolisa aseMonti.
UZahara, ogama lakhe lokwenene inguBulelwa Mkutukana, uthi kudala belindile kumapolisa kodwa nkqi ukubanjwa komntu okanye kwabantu ababulala ubhuti wakhe.
“Umkhondo kudala uvela kodwa aside sibone mntu ubanjwayo ngokubulawa kukabhuti wam.
“Ayimnandanga lo nto kuba wayeligugu lalapha ekhaya, enamaphupha okuziqaqambisa ebomini ngenye imini,” utsho uZahara.
UZahara uthi njengosapho oluthandazayo inyewe yokubhubha kukaMbuyiseli bayiphosa koPhezulu, kodwa bangathanda ukubona bebanjwa abenzi bobubi ukuze batshutshiswe.
“Siyazifuna iimpendulo ngokubhubha kwakhe.
“Mayingabingathi kwabhubha inja, kuvele kuthi cwaka nje,” utshilo uZahara.
UZahara uthi ukuba wayengabhubhanga uMbuyiseli, ngekude kakhulu kumaphupha akhe kuba wayengumntu owenza izinto ngokuzimisela nangokuzinikela ebomini.
Isithethi samapolisa aseMonti uWarrant Officer Hazel Mqala uthi umcuphi owayephanda eli tyala watshintshwa wasiwa kwelinye icandelo.
UMqala uthi amapolisa asaphanda malunga netyala eli, noxa nje engakhange adize ukuba amapolisa aseMonti kumaxa aphi na nophando kweli tyala.
sithandiwe.velaphi@inl.co.za
Ubomi ejele kutata owadlwengula unyana wakhe ona-8