UBicks Ndoni ubhubha uzinzo owayelumkise ngalo lungekho!

Bicks Ndoni

Amazwi kaBicks Ndoni esithi ukukhutshwa korhulumente okhokelwe yiDA kwisixeko saseBhayi akuzi kuzisa zinzo afana nesiprofeto kuba ude wasutywa kukufa ngesaquphe uzinzo lungekho kwesa sixeko.

UNdoni wayelumkisa amahlakani akhe eANC ukuba angaboni ukungabikho kozinzo phakathi korhulumente wobambiswano okhokelwe yiDA kumasipala iNelson Mandela Bay njengethuba lokubumba urhulumente oya kungena endaweni yalowo ukhokelwe yiDA.

Wakutsho oku ngethuba lengxwabangxwaba nokungaboni ngasonye phakathi kukasodolophu uTrollip weDA, nesekela lakhe uMongameli Bobani weUDM. Kudliwanondlebe noonondaba wathi: “Asikulungelanga ukukhokela kuba sohluliwe kunyulo luka2016. Ukufane singxamele ukulawula singenasininzi kuza kudala eyayo ingxwabangxwaba efana nale iphakathi kweDA neUDM. Ekufanele sikwenze njengeANC kukufumana izizathu ezikhokelele ukuba abantu bangasivoteli, nokuzakha njengeqela eliphikisayo silungiselele ukubuyela esihlalweni kunyulo olulandelayo.”

Ingxwabangxwaba phakathi kweDA neUDM yakhula de yakhokelela ekuqethulweni korhulumente wobambiswano okhokelwe yiDA. UBobani wabekwa njengosodolophu kurhulumente oquka iUDM, ANC, United Front, African Independent Congress [AIC] nePatriotic Alliance. Nangona iEFF ingekho kwikomiti yalo masipala yiyo eyanika inkxaso ekusekweni kwalo rhulumente, neyaphinda yafuna ukuziguzula kuwo.

UNdoni waye wachongwa ukuba abe sisabhokhwe salo rhulumente, ndima leyo wathi uyamkela njengomthunywa weANC. Unconywe ngokuzinikela ekusebenzeleni iANC, nokuzinikela ekuphuculeni intlalo yabantu baseBhayi. UNdoni usutywe kukufa kwizakhiwo zeANC eBhayi ebutsheni beveki.

UNdoni ebeyinxalenye yesigqeba sethutyana esikhokele iANC eBhayi, ekwasisabhokhwe kurhulumente wobambiswano kuMasipala iNelson Mandela Bay. Zilothusile uluntu iindaba zokusweleka kwakhe ngesaquphe kwintlanganiso yeANC ebekwiiofisi zalo mbutho. Inkokeli yethutyana yesi sigqeba uNceba Faku, ubalise ngelithi uNdoni ufike kule ntlanganiso ezibika iintlungu esifubeni phambi kokuba ohlulakale ngethuba ezama ukuqoqa iinto zakhe eza kuhamba.

“Sizamile ukumkhulula ihempe ebeyinxibile, sampha umoya, sabiza naboncedo olukhawulezileyo, bazama ukumbuyisela kwisimo sesiqhelo, kodwa bohlulakala,” utshilo uFaku.

Ugxa kaNdoni kwezopolitiko uLitho Suka uthi: “Siqale ukwazana ngethuba sikwisikolo semfundo ephakamileyo iLimekhaya High School kwiminyaka yee70s. Kulapho saqala khona ukuzibandakanya neentshukumo zopolitiko, ukususela kwimibutho yabafundi. Emva kokuphumelela ibanga leshumi wayokusebenza kwaVW [Volkswagen] nalapho wafika wazibandakanya nemanyano yabasebenzi iNUMSA, nawathi wakhula kuyo wangummeli wabasebenzi.”

UNdoni waba yinxalenye yebhunga lomasipala waseTinarha ngo1996, nelamchonga njengosodolophu ngo1998. Emva kokudityaniswa koomasipala, iBhayi, iTinarha kwakunye neDispatch ukuseka iNelson Mandela Bay ngonyaka ka2000, uNdoni wonyulwa njengosekela sodolophu.

UNceba Faku owayengusodolophu uthi: “Ngenxa yesakhono sakhe kwiimanyano zabasebenzi ndamchonga ukuba ajongane nemiba yengqesho kwanemiba yamazwe yangaphandle. Ebezihloniphe kakhulu iinkqubo zombutho esenza lo nto ayithunyiweyo ngumbutho.”

Emva kokususwa njengosekela sodolophu kuhlengahlengiso lango2009, uNdoni waqhubeka njengoceba okwikomiti kasodolophu, wazibandakanya nezoshishino emva konyulo loorhulumente basemakhaya lango2011. Wabuyiselwa ebhungeni lomasipala iNelson Mandela Bay ukuba abe lisekela likaDanny Joordan nowabekwa njengosodolophu ngo2015, kwiinzame zokuvuselela urhulumento kulo masipala.

Kunyulo luka2016, iANC yakhutshwa njengeqela elilawulayo kulo masipala kwangena urhulumente wobambiswano okhokelwe yiDA. UNdoni uye waqhubeka njengenkokeli yegqugula leANC. Owayekhokele iDA kwela bhunga uAthol Trollip uthethe wathi:

“Kundothusile kakhulu ukusweleka kukaBicks Ndoni, bekungalindelekanga. Ebengumntu olungileyo nobezimisele ukumamela noxa intsebenziswano yethu amaxesha amaninzi igxojwe luluvo lweANC kwimiba ngemiba. Yanga usapho lwakhe lingathuthuzeleka libambelele kwiinkumbulo zamaxesha amyoli.”

Namanye amaqela ezopolitiko azeke mzekweni ebalula ukuzinikela kukaNdoni ekuphuculeni intlalo yabantu baseNelson Mandela Bay.