Ubizo lwenu befundisi lunobungozi

“Singxwelerhekile siyisekethe iSeplani. Kwaye sisazibuza imibuzo nathi ngesi siganeko. Ubizo lwenu befundisi luyingozi kwaye luneentshaba, ezinye aniziboni.”

Lawo ngamazwi kaMfundisi B. Zantsi wesekethe iSeplani ephantsi kwesithili iKing Hintsa eCala.

UZantsi ebethetha kwinginginya yabantu eOrient Theatre eQuigney eMonti ngoLwesibini kule veki, ngethuba kuqhutywa inkonzo yomngcwabo yamalungu amahlanu osapho lakwaMphithi atshe abhubha onke kwiveki ephelileyo kwisakhiwo secawa eSeplani.

La malungu osapho ngobebekwe njengomfundisi kule sekethe uMandisi Mphithi (46), unkosikazi wakhe uDudu Mphithi (29) kwakunye nabantwana babo abathathu uKhololwethu (5), Ziminathi (3) kwakunye noYololwethu (iinyanga ezili-11).

EOrient Theatre kwinkonzo yomngcwabo yamalungu amahlanu osapho lakwaMphithi atshe abhubha kwiveki egqithileyo. UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

UMfundisi uMphithi noyinzalelwane yaseDuncan Village eMonti, phantse zonke izithethi zimzobe njengomntu obengesiso isithethi koko enoncumo ebusweni, enothando, ethobekile kwaye eneempawu zobunkokheli.

UMfundisi uZantsi uthi xa into intle ebeyiqhwabela izandla kodwa xa ingeyiyo ebengoyiki ukuthi ayiyo.

UMphithi uthe akungena ecaweni njengelungu leGuild kwanyanzeleka ukuba abemdala ngesaquphe ngenxa yobizo lwakhe. Khange kubenzima ukuba azimele kwisekethe.

Obethetha njengesithethi sokukhula kwakhe, uLulama Mpahla, uthi mhla weva ukuba uMandisi uthathe ikhondo lobufundisi zange othuke kuba iimpawu zazikhona kwasekukhuleni kwabo. UMpahla ufunde noMphithi eQaqamba High, babe bekumbutho wabafundi. Uthi babenalo neqela lomxhentso elalisungulwe ngabo besengamakhwenkwe elokishini.

“Sizenzile zonke izinto zokukhula ezenziwayo singamakhwenkwe kodwa ngaphandle kotywala necuba. Siye sonke nasesuthwini siqabana imiqolo. Ebelilo inene, ebonakala ukuba uphuma kwikhaya elikhathalayo kwaye notata wakhe ingutata onesandla esiqinileyo,” utshilo uMpahla.

Nosapho lukaMphithi, uNombongo ongudade wakhe, uthi balahlekelwe kuba uMandisi ebesele efana notata kubo kuba bebebalekela kuye nonkosikazi wakhe uDudu xa benengxaki, kwaye engumcebisi wabo phakathi ekhayeni. Uthi ubhuti wabo zange wabangumntu onesiphithiphithi ekhayeni, engesiso isithethi.

UDunyiswa nobebizwa njengoDudu lusapho, noyinzalelwane yaseKirkwood ibiliphelo kubazali bakhe kwaye eyintombi yedwa phakathi kwabafana.

UYanga Zulu ozalwa noDudu uthi uDudu bebemphethe okweqanda kowabo kwaye bemgadile kuba ibinguye yedwa intombi.

“Besingamakhosi kuye simgadile singafuni kwanto ngoDudu kuba besiqala ukubona umntwana oyintombi ekhaya. Kungoko nosibali emfumene engenamntwana uDudu. Ibingumntwana oziphethe kakuhle kakhulu, naye ongesiso isithethi.

Umama woManyano wesithili uP. Mngcita, uthi uDudu ebengumntu ongesiso isithethi koko encuma efana nomyeni wakhe. Nangona ebethule nje kodwa ebenazo iimpawu zobunkokheli. Kwaye ebeyinqonqozisa intsebenziswano phakathi koomama. UDudu umxhasile umyeni wakhe kwixesha lobunzima kwaye ethanda nabantwana bakhe.

INkulubaphathiswa uOscar Mabuyane obezimase le nkonzo uthe amaWisile ajongene nentlekele kuba bekungekho kokuqala isiganeko esikumila kunje sisenzeka kwisakhiwo samaWisile.

“Le yintlekele eza kuthatha ixesha elide ukuba isuke ezingqondweni, efana naleyo yenzeka eScenery Park yokubhubha kwabantwana ngaxeshanye. Sizokuthi ngxe kusapho lwaseSeplani. Bendicinga ukufa kwakukhe kuthi xha emva kokubhubha kwabantu abangaka ngeCovid-19.

“Apha sishiywe yinkokheli, ngutata kubantwana, ongumyeni kuDudu. Apha sishiywe lithandazwe ebeliphilisa abantliziyo zityumkileyo,” utshilo uMabuyane.

UMabuyane uthi izihlobo maziyamkele le meko kuba akusenakujika nto.

Ibandla kwakunye nezihlobo zaba bangasekhoyo zitsho ngazwi linye ukuba zilahlekelwe kwaye zixhelekile sesi sehlo.

IYunivesithi yaseFort Hare nayo ibiyinxalenye nale nkonzo njengoko uMfundisi uMphithi ebeqhubekeka nezifundo zakhe kule yunivesithi.

Okwangoku akukabanjwa mntu malunga nesiganeko sokutshiswa kwesi sakhiwo njengoko kungekabikho mkhondo.

Amapolisa athi asalinde iziphumo zovavanyo.