UBlackBerry unequkunya elitsha kraca

Umnxeba omtsha kraca obizwa ngokuba yiBlackBerryKey2. Umfanekiso: BlackBarry

IBlackBerry
entsha ayifikanga igalelekile – kwaye iyatshisa. Kwiminyaka eliqela eyadlulayo,
iBlackBerry yazibalula kwihlabathi lonke ngokuba yeyona nkampani etshatsheleyo
ekwenzeni iminxeba ephathwayo (Cell Phones) ezifakelwe ubuxhakaxhaka
nobuchwephesha bale mihla. Kuthe ekuhambeni kwexesha indawo kaBlackBerry
njengenkampani eyenza iminxeba ephathwayo ekumgangatho ophezulu ithathwe
nguSamsung othe gqolo evelisa iminxeba yale mihla.

IBlackBerry
Key2 ephehlelwe kulo nyaka ibufana naleyo iveliswe kunyaka ophelileyo –
inezinto ezintsha kuyo ezifana neglasi ebonisa amagama nemifanekiso, iikhamera ezimbini
ezithatha imifanekiso ecacileyo nekhibhothi entsha. Umnxeba kaBlackBerry omtsha
mhle kwaye uphatheka kamnandi kakhulu ngoba isibaca indlela owakhiwe ngayo. Enye
yezinto aziphuculiweyo kulo mnxeba mtsha lilahle lawo (Battery)
ekuqinisekisiweyo ukuba lihlala ixesha elide. Ngabantu baseMelika abaza
kuyifumana kuqala emakethe iBlackBerry2 entsha.