UBlomzit ufaka umfutho wothando kuma1s and 2s

Dj Blomzit Avenue

Ingoma ethi “I Wanna Be Your Lover” kaDJ Blomzit Avenue kulindeleke ibeyiyo etsho ikona nekona kwiindawo zolonwabo.

Le ngoma, nesele idlalwa ngamandla koonomathotholo, wonke umthandi womculo weHouse uza kuzifikisela kuyo xa iphuma embindini wale nyanga.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa kutshanje, uBlomzit, ogama lokwenene inguMalibongwe Blom, uyichaze le ngoma njengeza kwenza ingxolo.

“YiNational Anthem [ Umhobe weSizwe ]. Kwaye yingoma enamandla nezakuba nkulu kwiqonga lomculo kwilizwe jikelele,” kutsho uBlomzit.

Kule ngoma uBlomzit usebenzise ilizwi likaThandi Ralana waseMonti.

“UThandi ngumntu ocula iingoma zothando kakade, sihleli sisebenza kunye, ngoko bekulula ukusebenzisa ilizwi lakhe phakathi kwezandi.”

“Ayibhalwanga ndim ingoma. NguThandi oze nayo yonke. Kwelam icala njengomvelisi bendifuna ingoma eza kudala imvakalelo yothando kodwa ibe igungqisa. Ingoma enokuculwa nguye wonke ubani,” kubalisa uBlomzit. UBlomzit okwangutata, usandul’ ukuzimanya ngeqhina lomtshato.

Le ngoma itshayelela ubhazabhaza wecwecwe elilindeleke ekupheleni kweyeThupha.

“Kulo kuneengoma ezifana no-I feel free no-Izinto zam.” Ingoma iza kufumaneka kwiminatha ethengisa iingoma.